Limfiliba ikamva leBerlin November!

Amahashe ekhuphisana kwiBerlin November Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Siqhubela phambili isiqendu sesithandathu somdyarho wamahashe ekuthiwa yiBerlin November ngoMgqibelo.

Oku kuqinisekiswe nguLuthando Bara ngethuba echubela iintatheli isikhwebu kwintlanganiso ebibanjelwe eMonti kutshanje.

Iinkabi zamahashe zaseMpuma Koloni nezisuka kwamanye amaphondo ziza kube zisilwela ukuphumelela amakhulu amabini onke amawaka eerandi (R200 000) kulo nyaka eBerlin.

Onke amahashe aziwayo eMpuma Koloni kulindeleke abekhona.

Ukusukela ngonyaka eyasungulwa ngayo iBerlin November, sele ikhule kakhulu kwaye ibonwa njengeyona ndawo yolonwabo ephambili ephondweni lonke.

Nangona kunjalo, kodwa yena uBara uthi uyasindwa ngumthwalo ngoba ukuququzelela umnyhadala ofana neBerlin November kudinga imali ebonakalayo abe engayifumani inkxaso eyaneleyo kurhulumente wephondo.

Ukubeke kwacaca ke kambe uBara okokuba uza kunyanzeleka ayivale ekuhambeni kwexesha ukuba akayifumani inkxaso.

“Besinokwenza ngcono ukuba besiyinikwa inkxaso eyaneleyo liphondo nangurhulumente.

Umnyhadala onje ungaphezu kwamandla ethu kwaye awufanelanga kuba ngumthwalo wabantu abambalwa.

Ukuba ungathelekisa lo wethu nomdyarho ekuthiwa yiDurban July, kukho umahluko omkhulu ngoba wona ulawulwa ngurhulumente.

Sinengxaki ke eMpuma Koloni yokungazixhasi izinto zethu.

Eli phondo alisixhasi ngokwaneleyo. Kufike ixesha lokuba siyeke ukumane sixoka kuba sifuna ukungcwaliswa.

Ngeyikude kakhulu iBerlin November ukuba ibixhaswa kakuhle ngurhulumente weli phondo. Ayenzeki lo nto,” utshilo uBara oxelele iintatheli okokuba unomnqweno wokubona iMpuma Koloni iyindawo ephambili kwicala lokuvelisa amahashe nokuqeqesha idyokhi eziphalisayo.

Ukuba bekuya ngokwakhe, bekumele urhulumente wayakha kudala indawo yokuphalisela amahashe ngoba le isetyenziswayo ngoku lidlelo lemfuyo ekufuneka lisetyenzwe phambi kokuba kuphaliswe kulo.

“Oko kufuneka siphindele kula ndawo itya imfuyo. Asikwazi ukuyiphucula la ndawo (eBerlin) ngoba izinto zethu ziyasuswa xa sizifakile.

Ukuba besingabantu abanebhongo ngento yabo, bekungafanelanga ukuba kunjalo.

Izinto ziyafa apha ngoba azixhaswa. Iyenzeka nale kuba sityhala ngesifuba.

Nangona singonwabanga, yona iBerlin November iqhubela phambili ngoba yinto engaphezulu kunemvakalelo yethu,” utshilo uBara.

Enye yezinto ekuthiwe iza kuphuculwa yindlela amahashe abalekiswa ngayo ngokwahlukana kwawo emva kwezikhalazo zabanini bamahashe abakhalazele ukudityaniswa kwamashe wesiXhosa nawesilungu kwiminyaka engaphambili.