Limfiliba ikamva likaMahlambi emva kokuduka nezwe kwakhona

UPhakamani Mahlambi esadlalela AmaZulu FC kwisizini egqithileyo. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Enye yeefolosi, abantu abaninzi abebecinga ukuba iza kuthatha uMzantsi Afrika iwuphakamise ngenxa yesiphiwo enaso sokudlala ibhola, iduke nezwe. UPhakamani Mahlambi akaziwa apho akhoyo noxa amaqela ebuyele ezinkampini kwiindawo ngeendawo akuzo. Emva kokuchitha isizini yonke edlalela AmaZulu, uMahlambi kufanele abuyele kwiMamelodi Sundowns eyayibolekise ngaye kwisizini ephelileyo. Akaziwa apho akhoyo kwaye nekamva lakhe alicacanga ncam ngoba kukhangeleka ngathi akanayo indawo kwiSundowns. Abaqeqeshi beSundowns bazihlamba izandla zabo ngenxa yokungakwazi kwakhe ukuziphatha kakuhle uMahlambi.

Endaweni yakhe, iSundowns ifuna abadlali abafana noThabiso Kutumela odlalela iMaritzburg United. Impempe.com ikhuphe ingxelo ethi uMahlambi khange awubeke owakhe umcondo enkampini yeDowns oko kuqale amalungiselelo esizini entsha. UMahlambi usengumdlali weDowns ngokupheleleyo. Eminyakeni edlulileyo, uMahlambi wazibonakalisa kwiBidvest Wits wade wabonwa nayi-Al Ahly eyamthenga ngezigidi zerandi. Zange ahlale ixesha elide kwiqela laseYiphutha wabuyela eMzantsi Afrika. Watyikitywa nguPitso Mosimane owamdlalisa emidlalweni engamashumi amabini anesithandathu.

Nangona uBenni McCarthy ezamile ukunika abadlali abafana noThabo Qalinge ithuba ukuze babuyele ebholeni – kodwa uMahlambi khange akwazi ukumbonisa ukuba uyakufuna ukudlala. Phambi kokuvela kweengxaki zokungaziphathi kakuhle, uMahlangu ebengumdlali weqela lesizwe. Kodwa ngoku amahum-hum athi uMahlambi angaya kwiChippa United ephantsi kwesandla sikaGavin Hunt – umqeqeshi wakhe wakudala. UHunt ufike kwiqela elizinze eGqeberha kwiveki ephelileyo kwaye ukhangela abadlali abanokuthi balincede lingaphindi lilwele ukusinda ezembeni qha xa kuphela isizini. Akukho siqinisekiso esikhutshwe yiChippa United kodwa ngobukho bukaMahlambi.