‘Lindiphe iKrismesi ihashe lam’

Ihashe eliphumelele kwindawo yokuqala kowona mdyarho mkhulu kwiBerlin November, * -Andazi waseDutywa obekhwelwe nguYamkela Chintso UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

UMNINI kaAndazi, ihashe laseTyekelebende eDutywa elithe layintshatsheli kowona mdyarho mkhulu kwiBerlin November, uthi ihashe lakhe limphe esona sipho sihle kunene seKrismesi.

Oku kuza emva kokuba uAndazi ewashiye onke amahashe akwinqanaba lesilungu kukhuphiswano leBerlin November obelubanjelwe eBerlin kufuphi neQonce kuMgqibelo esiwushiya ngasemva.

U-Andazi ebejongene nolona khuphiswano luluqilima nanjengoko kumagqibela kankqoyi ebekhuphisana namahashe alishumi elinesibini aquka ihashe laseNdevana eQonce, uTshilisi, othe waphuma indawo yesibini.

Ngokuphuma indawo yokuqala, umnini kaAndazi uNkunzi Ntantala uthe wazuza iR50 000. Ethetha nephephandaba I’solezwe uNtantala uthe: “U-Andazi uyenze intliziyo yam yachulumanca kakhulu, indivuyisa kakhulu into yokumbona eyintshatsheli yeBerlin November. Bendinako kodwa ukoyika ekuqaleni kuba kaloku uAndazi ebekhuphisana namahashe asemgangathweni.”

Kusenjalo kukhuphiswano lamahashe esiXhosa, indawo yokuqala iphunyelelwe nguMhlabangulo, ihashe laseTaleni eDutywa naye othe wazuza iR50 000. Kumahashe omhambo, indawo yokuqala iphunyelelwe nguNdodayibuzwa, ihashe lakuTsolo elithe lazuza iR4 000.

Ngaphandle nje kwempumelelo nokonwaba kwabantu kwiBerlin November, imicelimngeni ikhona kumalungiselelo ale midyarho. Abaququzeleli bale midyarho bebemanxadanxada besusa abantu abebevalele amahashe kwindawo yokuphela komdyarho – ezintanjeni.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za