I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli omkhulu weMamelodi Sundowns othi ingase iqela lakhe ligqwese kwakhona ukuze lidlale imidlalo yeCAF nakwilixa elizayo.
Pedro Mapelo: Bhota bhuti, unjani?
Umlandeli: Kuhle Mhlekazi, kunjani kuwe?
PM: Kuhle, enkosi. Khawuzichaze ngokufutshane, ungubani?
Umlandeli: Igama lam ndinguZolani Skeyi. Ndihlala kwindawo ekuthiwa yiVergenoeg kude kufuphi kwidolophu yaseMonti.
PM: Khawutsho, waqala nini ukuba ngumlandeli weSundowns?
Zolani Skeyi: Ndaqala phaya ngo-1994. Lo mini kwakudlalwa umdlalo wamagqibela kankqoyi weBP Top 8 yiKaizer Chiefs neSundowns. Kwaphumelela iChiefs ngo’3-2 ngalo mini. Nangona yayihamba emva iDowns – kodwa ndayibukela indlela ebabenikelana abadlali. Yayingenambaliso.
PM: Yintoni eyona nto ongasoze uyilibale ukusukela mhla walandela iDowns?
ZS: Mhlekazi, ukubethwa kweSundowns kwiRothmans Cup kabini yiChiefs, yeyona yandibethayo. Ukuphumelela kweSundowns kwiCaf Champions League kundenze ndanelunda njengomlandeli wayo. Akukho sizathu sakungasithengi ngoku isikipha seDowns.
PM: Ngowuphi umdlali omthandayo kwiDowns, kuba kutheni?
ZS: Andinaye umdlali endingathi ndimthanda ngaphezulu kwabanye – kodwa ndiyakholwa kakhulu nguTiyani Mabunda noMotjeka Madisha. UMabunda ungumdlali oziphethe kakuhle kakhulu kwaye andikamboni efumana amakhadi. Kanti yena uMadisha udlala ibhola ephucukileyo kakhulu kwaye unekamva eliqaqambileyo ebholeni, uya kude.
PM: Ulindele ntoni kule sizini intsha kwiSundowns?
ZS: Yonke into isahamba kakuhle. Emva sisadlala kakuhle – kodwa kungase kuthengwe uLebogang Manyama ukuba kude kwacaca ukuba uyahamba uBilliat Khama otyolwa ngokungaziphathi kakuhle. Ndifuna indebe yePSL, hayi ezinye ezi iindebe ngoba linesidima iqela elidlala kwiChampions League.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!