Ukhawuleze wavakala umthandazo womdlali weLions, uLionel Mapoe wokuba afumane ithuba lokudlala kwiSpringbok ngenye imini.
UMapoe noFaf de Klerk odlala kwiiLions naye kulindeleke ukuba bafumane ithuba lokudlala okokuqala kwiSpringboks xa siqubisana ne-Ireland kumdlalo wovavanyo wokuqala.
Umqeqeshi weBoks * -Allister Coetzee uchazile ukuba sele kushiyeke kancinci ukuba aqiniseke ngeqela aza- kulisebenzisa.
Abadlali angekathathi sigqibo ngabo sisibini esidlala phesheya kolwandle uDuane Vermeulen noFrancois Louw.
Aba badlali babini nabasele besuka ukudlala kwiStormers bazibonakalisile ukuba bawulungele umdlalo xa bebevavanywa ngokuhlwa ngeCawa, ngokwengxelo kagqirha weBoks uKonrad von Hagen.
ISpringboks ngoLwesibini siziqeqeshe into engaphaya kweeyure ezimbini phambi kwabalandeli eKapa.
UCoetzee sele eqalisile ukulungisa nabadlali abafana noWillie le Roux, JP Pieterson noLwazi Mvovo ukuba baza kusebenzisana njani na.
U-Elton Jantjies ebeziqeqesha kwindawo yakhe njengomdlali okhabayo nabanye abadlali, kodwa loo nto ayithethi ukuba uzakuhlala esitulweni ekuqaleni komdlalo.
UJantjies uzakuqala ukubambana nabanye abadlali ngomso, oko efikile kwinkampu yeeBoks. Ayikacaci into yokuba uzakukwazi na ukudlala kwiqela likaCoetzee ngoMgqibelo.
Omnye umdlali ebesenza ixhala nguPieter- Steph du Toit, kodwa wenze kakuhle ngeyona ndlela ngoMvulo ebaleni, kwaye ubonakala ngathi wohlukene nengxaki yakhe yomsipha ibisoloko imkhathaza.
Ngaphandle kwamathandabuzo uCoetzee uzakufuna ukusebenzisa amava kaVermeulen kwindawo yesibhozo endaweni yokuba asebenzise uWarren Whiteley weLions.
Ngaphambili kulindeleke ukuba asebenzise uSiya Kolisi noLouw nje- ngamalalela.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?