Linyukele phezulu iqela likaBenni McCarthy

UTeko Modise weCape Town City esokoliswa nguThokozani Sekotlong weMamelodi Sundowns

Uncume waveza nelokugqibela izinyo uBenni McCarthy emva kokuba iqela lakhe libethe iMamelodi Sundowns ngo’1-0 kumdlalo wokugqibela we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eLoftus Versfeld Stadium.

Igowuli lempumelelo lifakwe nguNana Akosah-Bempah kwisiqingatha sokuqala emva kokufumana ibhola entle egotywe ngu-Aubrey Ngoma.

Eli ibilityeli lesithathu iCity ibetha iSundowns kwimidlalo yePSL ukusukela kwisizini edlulileyo.

Ngoku iqela likaMcCarthy libambe indawo yesibini linamanqaku angamashumi amabini anesine emva kokudlala imidlalo elishumi nantlanu.

Lo nto imchulumancise kakhulu umqeqeshi weCitizens ebikhe yakhathazwa kukungaphumeleli emidlalweni eliqela emva kokubethwa kumdlalo weMTN 8 yiSuperSport United kwisithuba seenyanga ezimbini ezidlulileyo.

Umdlalo ubukwizinga eliphezulu futhi kucaca ukuba kudibene amakhangala ekudala ezondana.

AmaSandawana abeke ibhola phantsi, ahlasela macala onke – kodwa akacholanga naphantsi kubadlali beCity abebeluqilima bekhokelwa nguRobyn Johannes othe wafumana iwonga loyena mdlali oqaqambileyo kulo mdlalo.

NguJohannes oqinisekise ukuba ubuncothula neengcambu ubungozi bukaPercy Tau noThemba Zwane xa behlasela.

Ethetha emva komdlalo, uJohannes uthe: “Ukudlala neSundowns akululanga. Khumbula ukuba lelona qela liphambili kweli lizwe – kodwa size apha sibalungiselele. Sikwazile ukukhupha uHlompho Kekana noTiyani Mabunda emdlalweni saqonda ukuba sigqibile. Ndiyavuyisana noogxa bam ngokufumana amanqaku amathathu kwakhona.”

Inyanga ephelileyo khange imphathe kakuhle konke uMcCarthy ngoba iqela lakhe belisoloko liphisa ngemidlalo ebekumele liyiphumelele – kodwa ngoku uya eKrismesini ekhululekile.

Iqela lakhe libuyele kwindawo elalikuyo kakade ekuqaleni kwesizini.

“Ndiyabancoma kakhulu abadlali bam, badlale kakuhle kakhulu. Ndicinga ukuba ngesilifumene nelesibini igowuli ukuba besiwasebenzisile amathuba – kodwa andibakhalazeli abadlali bam. Injongo yethu ibikukuqinisekisa ukuba iDowns ayikwazi ukudlala esiswini,” utshilo uMcCarthy.