Ziyakhamana kwaNational First Division, akudlalwa. Phantse onke amaqela amahlanu asemva kunyanzelekile aphumelele ukuze asinde ezembeni.
Elinye lalo maqela nguMthatha Bucks odinga amanqaku amane ukuze uqinisekise indawo yawo kwiNFD ekupheleni kwale sizini.
Ngoku Amathol’amnyama azimisele ukuzama kubekho into abuya nayo kumdlalo ophakathi kwawo neThanda Royal Zulu namhlanje ngentsimbi yesithathu emalanga e-Umhlanga Sports Complex.
Lo mdlalo bekumel’uba udlalwe ngempelaveki, kodwa ngenxa yemozulu embi khange udlalwe.
Kule midlalo mithathu ishiyekileyo, mnye kuphela iiBucks ezizakuwudlalela ekhaya kwaye kunyanzelekile ukuba zifumane amanqaku amane kuyo yonke lo midlalo ukuze ziqiniseke ngendawo yazo kwiNFD.
Nayo iThanda Royal Zulu iphantsi koxinizelelo ngoba idinga amanqaku ukuze iphume engxakini, yiyo lo nto eyenza lo mdlalo uphakathi kwala maqela mabini ubaluleke kuwo omabini la maqela.
Umdlalo olandelayo weeBucks iwudlala neHighlands Park emalanga ngeCawe ezayo. Nakulowo umdlalo kufuneka eli qela laseMthatha liphumelele ukuba lizimisele ukuhlala kwiNFD.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike