‘Liqaqambile ikamva labadlali abamnyama embhoxweni’

Ibiyimincili yodwa kubalandeli bombhoxo kwiBorder emva kokuba iSwallows iphumelele indebe yeSuper 12.

Eli qela laseMdantsane libethe iHarlequins yaseBhayi ngo’22-10 kumdlalo ubutak’iintlantsi eBuffalo City Stadium.

ISwallows iyiphumelele okokuqala le tumente ukusukela ekusungulweni kwayo ngo2011. Umqeqeshi weSwallows, uYongama Mkhaza, ukholelwa ukuba ukusebenza ngokuzimisela kuko okubancedileyo.

“Ndichulumance kakhulu, kudala sizama ukuyiphumelela le tumente. Ukusebenza nzima kuko okusibeke kwindawo esikuyo,” utshilo.

UMkhaza uthi uyakholelwa ukuba impumelelo iza kuzisa ukuzithemba kubadlali bakhe nanjengoko belungiselela isizini entsha ekulindeleke iqale kuTshazimpuzi.

“Ukuphumelela kwethu kuza kuzisa ukuzithemba kubadlali bethu yaye ndiyakholelwa ukuba siza kuqhuba kakuhle kule sizini,” utshilo uMkhaza.

Nangona likhe phantsi isitya sigcwele iqela laseBhayi, umqeqeshi walo, uLunchen Samuels, uliqhwabele izandla.

“Badlalile abafana bam kule tumente yonke. Sibethwe liqela elikumgangatho ophezulu. Kuninzi esikufundileyo kule tumente okuza kusinceda kule sizini,” utshilo uSamuels.

UMongameli wombhoxo kwiBorder, uMnumzana uPhumlani Mkolo, uncome kakhulu iSwallows.

“Isebenzile iSwallows, uyancomeka umsebenzi wayo. Iyandivuyisa kakhulu indlela abenze ngayo mna njengelungu leSwallows nomongameli weBorder. Kuyancumisa ukubona iqela leBorder liphumelela iitumente ezinje,” utshilo uMkolo.

OkaMkolo uthi impumelelo yeSwallows ithetha ukuthi liqaqambile ikamva labadlali abamnyama embhoxweni.

“Ngo2013, ndisengumongameli weSwallows; sathatha isigqibo sokunika abadlali abamnyama ithuba lokudlala umbhoxo. Impumelelo yeSwallows ithetha ukuthi liqaqambile ikamva labadlali abamnyama embhoxweni kwiBorder,” utshilo uMkolo.

“Abalandeli bombhoxo sibathembile, imbali ithi umbhoxo ngowona mdlalo uthandwayo kulo mmandla. Siyayibulela inkxaso yabo,” utshilo uMkolo.

isibhalo@inl.co.za