Liqaqambile ikamva leMadibaz Netball, utsho uKrige!

Umqeqeshi weSPAR Madibaz, uLana Krige, ubona ukuqhuba kakuhle kweqela lakhe njengonobangela wokuchongwa kwesihlanu sonke sabadlali bakhe. Emva kokuba iMadibaz ivale itumente ebibanjelwe ePitoli kutshanje ihleli kwindawo yesithandathu, abadlali abafana noJean Steyn, uSiphosthu Kilani, uMothira Mohammad, uNoluthando Maliehe noJuanita van Tonder, bachongiwe ukuze badlalele iqela loMzantsi Afrika (University Sport South African) eliza kuthatha inxaxheba kwitumente yomnyazi yamaziko emfundo aphakamileyo ekuthiwa yiCUCSA eza kusingathwa lilizwe laseMalawi kunyaka ozayo. Abadlali abachongiweyo beMadibaz ngabanye babadlali abanekamva elithembisayo kwibhola yomnyazi kwiphondo leMpuma Koloni.

Ukuchongwa kwabo kunokwandisa amathuba wabo wokungena kwiqela lesizwe njengokuba uMzantsi Afrika uqale amalungiselelo wokusingatha iNdebe yeHlabathi yomnyazi eza kusingathwa sisixeko saseKapa kunyaka ongaphaya kozayo. “Ukuchongwa kwabadlali abadala nabasakhulayo kwiqela lesizwe ngumvuzo womsebenzi omhle owenziwa liqela. Ukubonwa kwabadali bethu kuyabonisa ukuba kukho into esiyenza kakuhle siyiMadibaz,” utshilo uKrige kutshanje kwingxelo ebhaliweyo ekutshwe liqela lakhe. Konke oku ukuthethe emva kokusongwa kwemidlalo yetumente enzima kwiphondo laseGauteng.

“Umsebenzi esiwenzileyo uyancomeka kakhulu emva kokubetha amaqela anamandla afana neNorth-West University (iPukke) emidlalweni yikuqala ye-USSA. Nangona sibethiwe yi-University of Johannesburg – kodwa ukugqitha kwiPukke kubonisile isiqalo sendlela esifuna izinto zenziwe ngayo. Sifuna ukuqamela ngokusebenza ngokuzimisela komntu wonke eqeleni, ukuxhasana nokunika wonke umntu ithuba kungajongwanga ibala lakhe. Umsebenzi wethu ayikokuvala umsantsa ophakathi kwethu namaqela aphambili nje kuphela, sifuna ukuqinisekisa ukuba siphumelela imidlalo. Ikamva lethu liqaqambile siyiMadibaz. Kufuneka siqinise indlela esizilolonga ngayo ukuze sikwazi ukumelana namaqela angaphezulu kuthi kwilixa elizayo,” uthilo uKrige.