Liqaqambile ikamva likaMbenge

Thulani Mbenge

Liqaqambe ngakumbi ikamva lembethi-manqindi yaseMdantsane. UThulani Mbenge uzenzele udumo kutshanje ngokuphumelela umlo we-International Welterweight obalulekileyo abethe kuwo indoda yasePhiliphines ehlonitshwayo – uJay Inson.

Lo kaMbenge unemilo elishumi elinanye engabethwanga phantsi kwegama lakhe emva kwale mpumelelo ayifumene eKempton Park kwiveki ephelileyo.

Ukubetha uInson yinto enkulu kakhulu kuMbenge ngokuba ukoyisa imbethi manqindi engqengqise amadoda alithoba kwimilo elishumi elinesithathu asinto encinci leyo.

Umlo weveki ephelileyo ibingowokuqala kaMbenge kudidi lweembethi manqindi ezihlawulwayo. Iyigcobisile kakhulu intliziyo yakhe lo nto.

“Ndiyavuya kakhulu. Ibingumdlalo wam wokuqala kudidi lwehlabathi. Undincedile la mdlalo nakumanqwanqwa ehlabathi ngoba ngoku ndinyukele phezulu,” utshilo uMbenge kweli phephandaba.

Inyathelo lale ndedeba nabaphathi bayo kukukhangela umdlalo olandelayo ukuze ikwazi ukukhangela amanye amabhanti. Kwincoko kaMbenge neli phephandaba, uvakele njengomntu oyinxanelweyo impumelelo.

“Ndifuna ukudlalela amabhanti amakhulu. Ngoku sizama umlo nomfana waseZimbabwe kwiWBC,” utshilo uMbenge.