Liqonga lokusuka izakhono iGubevu Tournament

Iqela lebhola ekhatywayo, iFast Eleven, lilo eligoduke nendebe kwiGubevu Tournament kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: uthunyelwe

Ulutsha lweelali zaseTsomo lusebenzisa ibhola ekhatywayo njengesixhobo sokulungisa izakhono. Kwiveki ephelileyo, amaqela ebhola ekhatywayo asibhozo athathe inxaxheba kwiGubevu Tournament esungulwe kunyaka ophelileyo kuGubevu ngumnumzana uSibonisiwe Suyaka nabanye abantu. Injongo yokuqokelela ulutsha kanye ngonyaka elalini yakhe uthi bazama ukulungisa izakhono zabadlali abatsha abazimisele ukudlala kwinqanaba eliphezulu. Nangona le tumente yasungulwa kunyaka ophelileyo – kodwa amaqela afana neGubevu Celtic, iLucky Stars FC, iHyenus, iFast Eleven, iDomestos FC, iQombolo FC, Amakhuze Royal neYoung Stars – ayamkela ngezandla ezishushu kwasekuqaleni le tumente kwaye onke adlala ngokuzimisela.

Emva kokuphumelela imidlalo emithathu, iFast Eleven, igoduke nende yalo nyaka. Ibethe amaqela abezimisele kakhulu afana neHyenus kumapenela emva kokudlala ntanganye emdlalweni, yalandelisa ngeQombolo ngo’2-1 kumdlalo wesibini. Iintshatsheli zibethe iGubevu FC ngo’2-0 kumdlalo wamaqibela kankqoyi. Amakhuze Royal FC neQombolo zibambe indawo yesithathu neyesine ngokulandelelana kwazo. Abaququzeleli betumente bachwayitile emva kokuba izinto zihambe ngendlela ababeyicwangcise ngayo.

“Lo ngunyaka wethu wesibini lona. Sineenjongo zokuphuhlisa amaqela ebhola kwiidolophu ezimbini: iTsomo kunye neCofimvaba. Siyavuya kakhulu ngoba iyakhula le tumente, abantu basibuza ngayo unyaka nonyaka. Agxalathelana kusavulwa nyoba yokuthatha inxaxheba nabalandeli bebephume ngobunzi. Injongo yethu kukunika ithuba abadlali abasakhulayo ukuze babonwe ngamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League nakwiNational First Division,” utshilo uSiyaka.

Iqela eliphumeleleyo lizuze indebe neembasa; elibambe indawo yesibini lifumene iimbasa. Kunyaka ozayo kulindeleke ukhuphiswano lube lushica ngakumbi kule tumente yakuGubevu.