Lisemhlophe iqela lamabhoko-bhoko

Akhonto izindaba tu, ngeqela elibhengezwe nguHeyneke Meyer elizakudlala imidlalo neNew Zealand, Australia kwakunye neArgentina.

Ukufakwa kwabadlali abatsha abasibhozo kuthetha iindaba ezimnandi mayela nenkqubela phambili yombhoxo kweli. Abadlali abangenawo umnqwazi weSpringbok kweli qela naba: Scarra Ntubeni (Stormers), Steven Kitshoff (Stormers), Vincent Koch (Stormers), Faf de Klerk (Lions), Rudy Paige (Blue Bulls), Jesse Kriel( Blue Bulls) ,Franco Mostert (Golden Lions kunye noLionel Mapoe weGolden Lions. Sele kulithuba noko isematheni into yokunqongophala kwabadlali abamnyama kwiqela la -mabhoko-bhoko. Abadlulanga nakwisihlanu nakulo unyaka ababhengeziweyo kweli qela lizakudlala le midlalo, nelinabadlali abangamashumi amathathu anesithathu.

Enye into egubungele iqela likaMeyer kukwenzakala kwabadlali, abalishumi elinesibini abadlali abenzakeleyo ababhengezwe nguMeyer kwiqela lesizwe.

“Luluhlu olude lwabadlali abenzakeleyo kodwa bonke ndibatyumbile, kwaye sizakubancedisa ukuba baphinde balungele ukudlala,”utshilo uMeyer.