‘Lisondele ixesha lokuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika’

Imbethi manqindi yaseScenary Park, uAyanda Ndulani, ixangxathe ityendyana laseZiphunzana uKhanyiso Siko e-Indoor Sports Centre, kwimpelaveki edlulileyo.

La magatyana, nasebenzisa isakhiwo esidala sesikolo iLumko, ebejijisana kumlo wentshinga yeMpuma Koloni yodidi lweNgcongolo.

UNdulani ukholelwa ukuba le mpumelelo imnika ithuba lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika. Le ndedeba ithi iqinisekile ukuba ingayithi qwaka qwaka iqabele ngapha kwayo intshinga yoMzantsi Afrika.

“Ndisebenze nzima kakhulu ukuze ndiwuphumelele umlo. Le mpumelelo indinika ithuba elihle lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika,” utshilo uNdulani.

Le ndedeba ithi iqinisekile ukuba ingamthi qwakaqwaka uXolani Magusha ophethe intshinga yoMzantsi. “Akekho umntu unokuma phambi kwam ngoku. Nentshatsheli yoMzantsi Afrika ayinomelana nam,” utshilo uNdulani.

UKoko Godlo uxolile yindlela izinto ezihambe ngayo kwitumente yakhe. “Ndixole kakhulu ngendlela abalwe ngayo abafana, ingakumbi kumlo kaNdulani noSiko,” utshilo uGodlo.

UGodlo uthembise ngokuphinda enze iitumente ezimbini eziza kugxila kakhulu ekuphuhlisweni kweembethi manqindi ezisakhasayo.

“Mna ndikholelwa kakhulu ekuphuhliseni abadlali abasakhasayo. Ndiza kuphinda ndenze ezinye iitumente. Andiphelelanga emanqindini qha, baninzi abantu endibaphuhlisileyo nakweminye imidlalo,” utshilo uGodlo.

Iziphumo zeminye imilo: Uwuphumelele ngamanqaku umlo wakhe wokuqala njengembethi manqindi ehlawulwayo uMhlangabezi Sogcwayo waseMdantsane emva kokubetha uThembani Mooi waseQonce kumlo obunemijikelo emine kudidi loSiba.

UThandolwethu Nkwenteni waseQumrha ubethe uNasiphi Ziwani waseMdantsane ngamanqaku kumlo ubukudidi lweJuniorfly.

Kwididi lweNtambanani, uHlumelo Makhonco waseZiphunzane ungqengqise uSiyamthanda Mbande kumjikelo wesibini.

Yena uOdwa Gaxa waseAmalinda unabise uMzoxolo Dyani waseNcerha kumjikelo wesibini kumlo kudidi lweWelterweight.

isibhalo@inl.co.za