‘Lixesha lokonwabisa abaphathi’

Unozinti ophambili kwiMamelodi Sundowns, uDennis Onyango, ufuna ukuqinisekisa ukuba iqela lakhe lifezekisa iphupha likaMongameli uPatrice Motsepe ngokuthi libuye nendebe yeCaf Champions League.

Eli qela lasePitoli lithweswe njengeentshatsheli ze-Absa Premier Soccer League kwinyanga ephelileyo, kuthe kusenjalo kwathi gqi isimemo kwiCaf esithi mababuyele kwimidlalo yeChampions League.

Oku kwenzeke emva kokuba iCaf yohlwaye i-AS Vita Club yaseDemocratic Republic of Congo ngenxa yokusebenzisa umdlali ongabhaliswanga.

IiBrazillians bezidlalile kwiChampions League kulo nyaka kodwa ngelishwa zakhutshwa kwayile AS Vita. Ngoku zifumana elinye ithuba lokulungisa iziphene.

ISundowns izimisele ukulisebenzisa eli thuba nangona ithelekiswe namaqela anamava nje kolu khuphiswano.

Lo ka-Onyango uthi bengabadlali beSundowns bazimisele ukwenza ezibukwayo kweli ityeli futhi bafuna ukubalwa phakathi kwamaqela aphambili kwizwekazi leAfrika iphela.

Abadlali beDowns babuyele enkomeni izolo ngoba kufuneka balungiselele umdlalo neqela lase-Algeria elibizwa ngokuba yiSetif ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga.

U-Onyango uxelele Isolezwe ukuba lithuba elihle eli lokuvuyisa abaphathi beqela.

“Sifuna kubekho inkwenkwezi phezu kwebheji yethu kwaye ifunwa kakhulu ngumongameli uMotsepe nomqeqeshi uPitso Mosimane. Singabadlali asikwazi ukuphumla singayifumenanga. Sizithembile, singabuya nayo.

Okwangoku yi-Orlando Pirates kuphela edlala into ecacileyo kwimidlalo yeChampions League neConfederation Cup. Kunyaka ophelileyo iiBucs zibethwe kumdlalo wokugqibela.

Ngokokutsho kwalo mdlali weDowns, ngoku basakhangela indlela elidlala ngayo eli qela lase-Algeria.

“Singabadlali sithe sifuna ukudlala ibhola, eli lelona xesha lifanelekileyo. Alikho ixesha lokukhala ngokudinwa. Kufuneka sidlalele ukufumana iziphumo ezingcono ngoku,” utshilo * -Onyango.