Liyakhula ukhuphiswano kwiStormers

Umqeqeshi weStormers uRobbie Fleck kufuneka enze izigqibo ezibalulekileyo, phambi komdlalo obalulekileyo weqela lakhe neChiefs eNewlands ngoMgqibelo.

Lo mqeqeshi uphefumle ngoMvulo ngokuba ahamba njani na amalungiselelo abo. U-Oli Kebble, Frans Malherbe, Nizaam Carr noDaniel du Plessis bonke bazakubuyela ebaleni emva kokwenzakala.

Ayikacaci ke ukuba bonke aba badlali bazakukwazi na ukuqala umdlalo. UKebble angabuyela endaweni yakhe, njenge’prop emva kokuba ephosiwe yimidlalo emibini edlulileyo. Lo mdlali yena ebenengxaki edolweni. UMalherbe ebenzakele entanyeni komnye wemidlalo ibiphakathi kwamaBhokobhoko ne-Ireland. Indawo yakhe iye yabanjwa nguVincent Koch ngelixa engekhoyo.

Into ezakumenzela nzima umqeqeshi kukuba uMalherbe ngumncedisi wekapteni kwiStormers, kwaye khange aqhube kakuhle kwaphela kulo nyaka. Ebetsala nzima ngakumbi kwimidlalo yovavanyo phakathi koMzantsi Afrika ne-Ireland.

Igqala leBoks uSchalk Burger wenza umsebenzi oncomekayo njengekapteni elibambela, kubonakala ngathi amava akhe anento ayenzileyo kwiqela ngokubanzi. UFleck sele ethetha ngento yokuba kufuneka kwakhiwe iinkokheli ezintsha, kuba uBurger uyahamba uya kwiSaracens ekupheleni kwesizini. Okwalo mzuzu ukukhokela kukaBurger kubaluleke ngeyona ndlela kwiStormers ngoMgqibelo, ingakumbi xa sidlalela kowaso.

“Okokuqala ngoku emva kwexesha elide sinabadlali abaninzi abadlala kakuhle esiza- kukhetha kubo, ukhuphiswano ngeendawo zokudlala luphezulu nabadlali bayayiqonda loo nto. Ndiyavuya kuba kuzakubuya abanye babadlali bethu ababalulekileyo,” utshilo uFleck.