Liyaphela ixesha likaBenni McCarthy kwiMan United

UBenni McCarthy ngumqeqeshi weefolosi zeManchester United yaseNgilane kodwa ixesha lakhe neli qela sele lisondele esiphelweni. UMFANEKISO: Manchester United

Inyanga yeSilimela kulo nyaka yinyanga yokugqibela kwingqesho kaBenni McCarthy kwiqela lebhola ekhatywayo iManchester United yodumo. Ingcali yentatheli yezemidlalo ezimeleyo kweli uPeter Du Toit osebenza kunye nemanejala kaMcCarthy, uRob Moore uyacacisa.

“Ndingakuqinisekisa ukuba isivumelwano sengqesho sikaMcCarthy siyaphela ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, ngoko asikwazi okuzakwenzeka ngekamva lakhe neli qela lodumo,” kutsho uDu Toit.

Kukho amarhe ashushu wokuba iManchester United ayinanjongo yokusivuselela kwakho isivumelwano sengqesho sikaBenni McCarthy.

“Kukwakho amarhe wokuba oyimanejala weqela leManchester United uErik ten Hag naye akazukubuyela kweli qela lodumo, oku kungenza ukuba ngenene izinto zingafani kwicala likaMcCarthy,” kutsho uDu Toit.

UMcCarthy utyikitye isivumelwano sengqesho kwakunye neqela leManchester United ngeyeKhala ngo2022.

UMcCarthy usebenze njengomqeqeshi weefolosi zeqela leManchester ukusukela ngo2022, kwaye kuthiwa wenze kakuhle xa kunjongwa umsebenzi wakhe.

Oku kwenzeka logama amaqela aphambili kweli afana neKaizer Chiefs adinga abaqeqeshi abaphambili ukuze aphucule umsebenzi wawo.

UCraig Lewis, ongumhlalutyi wezemidlalo ozimeleyo, uthi nantoni ingenzeka xa siphelile isivumelwano sikaMcCarthy neqela leManchester United.

“Ukushiya kwakhe iManchester United akuthethi ukuba angazihlisela iqondo ngokufuna ukuqeqesha amaqela afana neKaizer Chiefs, uyakuba uzihlisele xa enokwenza oko,” kutsho uLewis.

UMcCarthy uphakathi kwabadlali beli abanikwa ithuba lokudlala ibhola nguJomo Sono wodumo.

“Iqela leKaizer Chiefs sele kukudala likhangela umqeqeshi oyintloko kwelaqela, kodwa andiqondi ukuba uMcCarthy angayakuzigalela kwiqela elifana neChiefs,” kutsho uLewis.

ULewis uthi uMcCarthy kumele ukuba agcine isidima sakhe njengomqeqeshi okwizinga eliphezulu kumdlalo webhola ekhatywayo.

Ngaphambi kokuqeqesha iifolosi zeqela leManchester United, uMcCarthy usebenze njengomqeqeshi ongumncedisi kwiqela iSint-Truiden yaseBelguim ngo2015 no2016.

Ngonyaka ka2016 ukuya kunyaka ka2019 uMcCarthy uqeqeshe ngempumelelo iqela iCape Town City yaseKapa. Ngo2020 ukuya ku2022 uMcCarthy uqeqeshe iqela lamaZulu.

Ngexesha lokudlala kwakhe wenze ezibukwayo nje ngefolosi yeqela laBafana Bafana.