Kuzawudlan’ iintsimbi xa kudibana oomakad’ ezondana bamaqela aseKapa kule mpelaveki. Ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, iCape Town City ne-Ajax Cape Town zizakube zidudlana okweenkunzi zegusha xa zidibana kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube useCape Town City. Lo ngumdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola kwilizwe lonke ngenxa yembali yabaphathi bala maqela. Omabini la maqela anoxanduva lokuqinisekisa ukuba umdlalo ufikelela kwinqanaba lemidlalo yamaqela aseSoweto nasePitoli – ekuqhawuka inobathana rhoqo xa edibene. Abaqeqeshi bobabini bayavuma ukuba lo mdlalo ubalulekile kakhulu ebantwini baseKapa.
“Umdlalo waseKapa ukhethekile kweminye yesiqhelo. Xa ukhulele eKapa, uyazi ukuba uthubeleza kumanzithi-nzithi obomi. Ndabanethamsanqa lokudlala eYurophu mna – kodwa ke ngoku ndiqeqesha iqela likaJohn Comitis. Ndikhulele apha phambi kwakhe; ingxaki kuzawuba nzima ukujongana naye ukuba asizi nawo manqaku amathathu kulo mdlalo,” utshilo uBenni McCarthy.
Naye umqeqeshi we-Ajax uvumile okokuba umdlalo uzakuba yinto angazange wayiva ngaphambili. “Ngaphandle kwamathandabuzo, idabi laseKapa ngumdlalo onomahluko kweminye – jonga nje umtsalane onawo lo mdlalo. Umdlalo wala maqela uyayifunqula imimoya nomdla wabantu. Ndiyibonile lo nto naphaya kubadlali. Inomqeqeshi omtsha nabadlali abatsha ke iCity – lo nto ithetha ukuthi izinto azizukufana nakwisizini edlulileyo. Ndiyakuvuyela ukuba yinxalenye yalo mdlalo kwaye ndilindele umdlalo okwizinga eliphakamileyo,” utshilo uStanley Menzo ngethuba ethetha neentatheli kule veki.
Kule sizini imidlalo emininzi imoshwe ziimpazamo ezenziwe ngoosompempe. Kwimidlalo efana nale ziyenzeka ezo zinto kwaye zishiya abantu benxunguphele. UMcCarthy akoneliseki yindlela oosompempe abayiphatha ngayo imidlalo yePSL – kodwa yena uMenzo uneembono ezahlukileyo. “Akufuneki sigxile kakhulu koosompempe, mna ndikhetha unika ingqwalasela izinto endinokuzenza,” utshilo uMenzo. Kanti yena uMccarthy uthe: “Abalandeli bebhola bachitha iimali ezinkulu xa bezokubukela ibhola – oosompempe akumelanga bazimoshe izinto.”
Iqela likaMcCarthy lihleli kwindawo yesihlanu emva kokuyiqala kakuhle isizini, lidlale imidlalo emihlanu laze laqokelela amanqaku alithoba. Yona i-Ajax ithe ngcu kwindawo yeshumi elinesibini, isazama ukuqokelela amanqaku emva kwesiqalo esingancumisiyo kule sizini.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari