Lo nyaka ubumhle kakhulu, utsho uWayde

Igqiza lee mbaleki zoMzantsi Afrika zigalelekile eMonaco – apho zizakuthi zikhuphisane noompondo zihlanjiwe behlabathi.

UWayde van Niekerk – imbaleki yeli lizwe ephume emagqabini kwi-2016 Olympics – ukhokela eli qela elizimisele ukuthatha intshinga ye-African Athletics Championship kumdyaro weembaleki oyi-4×100.

La madoda azakuthi amele uMzantsi Afrika ngu: van Niekerk, Akani Simbine, Gift Leotlela no-Emile Erasmus onexesha eliyi-38.84 kwi-100m. Le yimidyarho angafane angene kuyo uWayde.

“Siyazi izinto zenziwa ngokwezigaba eMzantsi, lo nto yenza kungabilula kum ukungena ngaphandle kokuba ndinikwe elo thuba. Sinazo iimbaleki ezibaleka kwi-4x100m ekhaya – kodwa konke oko kuxhomekeka kumathuba avelayo. Masithembe sakulifumana ithuba,” utshilo uVan Niekerk.

Le ndedeba yenza imbali kwi-Olimpiki iphosiwe liwonga lonya lombutho weembaleki elithathwe ngu-Asain Bolt owaphumelela i-100m, 200m ne-4x100m eRio de Janeiro.

“le sizini ibintle kum, ndizuze okuninzi kakhulu kulo nyaka. ndikhulile kakhulu,” utshilo uWayde eseMonaco. Kuhle ke ngoba uBolt usondela kwixesha lakhe lokuyeka ukubaleka. Ungumntu kodwa olukhuthazayo ulutsha. Ukuyeka kwakhe kuza kuvulela abantu abafana nathi amathuba,” utshilo uVan Niekerk.

UVan Niekerk nguphopho kwicala lokubaleka kwaye angazenza ezibukwayo nakwimigama emifutshane.

“Yah! Kuhle ukubuyela kumgama oyi-100m ne-200m, kwakudala, ndandiyithanda imigama emifutshane,” utshilo uVan Niekerk.