Lubulela I’solezwe ulutsha lwakuTsolo!

Abadlali be-FC Wonderers benxibe izikipa ezitsha abaziphumelele kwitumente yebhola ekhatywayo ebisungulwe li-Isolezwe lesiXhosa, kuTsolo eTikitiki Umfanekiso: Siyanda Zakhe

“Yoh.Bhuti, zange siyibone into enje ngale yenziwe liphephandaba, I’solezwe,” utshilo uPhakamisa Keya emva kwetumente ebibanjelwe kuTsolo kwilali yakuTiki-tiki ngeCawe edlulileyo. Le ndedeba ibiyinxalenye yeqela eliphumelele ukhuphiswa lwebhola ekhatywayo.

I’solezwe lisingathe itumente edlalwe ngamaqela alishumi eelali zakuTsolo.

Injongo yeli phephandaba ibikukwenza umehluko kulutsha nokulikhuthaza ukuze luhlale lomelele.

Imidlalo idlalwe kakuhle ngendlela emangalisayo – kwaye abantu bebephume ngobuninzi kuba befuna ukuxhasa amaqela wabo nangona bekukho imo yezulu ibingentlanga.

Amaqela athathe inxaxheba ngala: Dinonyana FC, Black Arrows, Ajax United, Jomo Cosmos, Peace Makers, Manchester United, Madrid United FC, Eleven Bumpers, FC Wanderers nePower Stars. Onke la maqela ebesebenzise abadlali abatsha, lo nto ibonise ukuxatyiswa kwebhola ziilali zakuTsolo.

Umgangatho womdlalo oveliswe kule midlalo ubuphezulu kakhulu futhi kwacaca ukuba iLocal FootBall Association yenza umehluko kula mimandla. Nangona imininzi imidlalo edlalwe ngamaqela ohlukeneyo – kodwa abadlali balifumene ithuba lokuqaqambisa izakhona zabo. Itumente iphunyelelwe yiFC Wanderers ebethe i-Ajax United kumapenela. Emva koko iWanderers ifumane izikipha zebhola ezitsha kraca nebhola, kanti yona i-Ajax igoduke newaka lee randi (R1000.00).

“Sonwabe kakhulu. Abadlali bagoduke bevuya kwaye bamkelwa ngovuyo ngabantu belali. I’solezwe siyalibulela kakhulu – into yalo ibinomahluko kwezinye,” utshilo uKeya. Abantwana bakuTsolo babonise imbeko, ntlonipho nothando lomdlalo wabo – ibhola ekhatywayo. Ngoku into efunekayo elutsheni kukuzimisela kodwa ukwenziwa kwamabala yinto enokulunceda.

Abaququzeleli bale tumente uThobani Bekwa noMhleli Ernest Nqoloba bavuyisene neqela eliphumeleleyo nalawo angakwazanga ukuphumelela.