Ludinga inkxaso ulutsha lwelali yaseQonce

Ulutsha lwelali yaseQonce ekuthiwa yiPirie Mission lizama ukuziqokelela ngemidlalo Umfanekiso: Uthunyelwe

Ngenxa yemeko embi elalini, uSivuyisiwe Cezula wagqiba kwelokuba kubekho into ayenzayo.

Ukuseka amaqela ezemidlalo eyahlukeneyo yaba yeyona nto eyathi qatha kuqala engqondweni yakhe. Imidlalo nezinto zolonwabo zezona zinto ezikwaziyo ukuqokelela abantu abatsha futhi ziyanceda naxa ufuna ukumilisela uqeqesho lwezinto ezibalulekileyo ngobom.

Ekuzeni kuphela konyaka ka2019, uCezula uye waseka amaqela ebhola yomnyazi (netball) nebhola ekhatywayo ukuze ulutsha lweelali ezifana neyakhe iPirie Mission, iMzintsane, iDimbaza, iNakani, iRabula, iZabalaza, eMadakeni naseMngqesha lukwazi ukuqokeleleka luphinde luzixakekise ngemidlalo.

Umfo kaCezula ngomnye woosakhisizwe abakholelwa kwintetho yamaciko akwaXhosa ethi: “Bagotywa besebatsha.” Njengokuba indawo yakhe, iPirie Mission, igutyungelwe lulwaphulomthetho, uCezula unethemba lokuvuna okuhle kwiinzame zakhe.

Njengomntu osendaweni esezilalini, uCezula ujamelene nokungabikho kwezixhobo ezinokunceda amaqela wakhe. Ucela nabani na onokunceda, enze njalo ngoba akukho nebala eli lembala.

“Asinawo amabala. Ekuqaleni kwethu, saye sathatha imihlakulo satshenta ukuze kutyhileke iindawo zokudlalela. Ngabantwana abasokolayo abalapha kula maqela. Abanye babo badlala ngeenyawo ngoba kunzima emakhayeni abo,” utshilo uCezula ecacisela I’solezwe lesiXhosa.

“ Xa kufike imihla yokudlala imidlalo, umntu oye athuthe abadlali ngeveni yakhe nguThembalethu Ntuthu. Kunzima apha. Bebonke abantwana esinabo apha ngamashumi alithoba anesihlanu (95). Singavuya ukuba singalungiselelwa amabala, sifumane izikipa zokudlala, izihlangu zokudlala neebhola,” utshilo uCezula.

Abantwana abaphantsi kwesandla sikaCezula baneminyaka elishumi elinesine, ishumi elinesithathu, ishumi elinesihlanu neshumi elinesixhenxe. Konke abakwenzayo bakwenza benethemba lokuguquka kobomi babo ngenye imini besebenzisa amandla wemidlalo.