Lunzulile uthando lombhoxo kuKolisi

Impumelelo yeSpringboks ibuyise isidima soMzantsi Afrika embhoxweni emva konyaka ophelileyo obembi.

Akuphelelanga apho ngoba loo mpumelelo ivuselele uthando olunzulu lombhoxo kuSiya Kolisi. Le ndedeba incede Amabhokobhoko abetha iFrance ngo’37-15 eKings Park Stadium kwiveki ephelileyo.

UKolisi ulele emgceni izihlandlo ezibini. Leyo yinto enkulu kuKolisi obekhe wakhathazwa kukonzakala ixesha elide. Umsebenzi omhle owenziwe nguKolisi, eThekwini, uye wakhazimla xa efumana iwonga lomdlali oqaqambileyo.

Kukho ukuvuselela kweli qela lika-Allister Coetzee onyathelela phezulu kwezi ntsuku emva kokuba iSpringboks sibethe iFrance kwimidlalo yovavanyo emibini. Amabhokobhoko azakuqubisana neFrance kumdlalo wovavanyo wesithathu ozakube use-Ellis Park Stadium ngo’17:00 ngoMgqibelo.

Kulapho kulindeleke uMzantsi Afrika ubethelele isikhonkwane futhi kukwalindeleke umdlali ofana noKolisi abethelele indawo yakhe kwiqela lesizwe.

Nakubeni izinto zimhambela kakuhle uKolisi – kodwa akazigwagwisi ngalo nto – endaweni yoko uncoma oogxa bakhe abamkhuthazayo.

“Ndingatsho ukuthi lo ngoyena mdlalo wam obalaseleyo kwiBoks – kodwa ukuthetha into enjalo ayikokwam,” utshilo uKolisi obefinca iminyaka engamashumi amabini anesithandathu kwiveki ephelileyo.

“Emva kokubukela oogxa bam kunyaka ophelileyo, ndingatsho ukuba ndonelisekile ligalelo endilenzileyo. Ndiyawuthanda lo mdlalo, andisoze ndililibale ithamsanqa elingaka endilifumeneyo lokumela ilizwe lam. Baninzi abantu abafuna ukudlalela iBoks; andikhathali nokuba ndidlala ndawoni,” utshilo uKolisi.

Le ndedeba ibiphakathi kwamadoda ebedudula futhi enqanda iintshukumo zeFrance eziyingozi. “Ndisoloko ndikunqwenela ukudlala kwiindawo ezahlukeneyo ngoba lo nto ibonisa noogxa bam ukuba ndizinikezele. Iqela liyayondelelana ngoku, siqale into entsha,” utshilo uKolisi.