Luqala kwinyanga ezayo ulwakhiwo loMthatha Stadium

Umongameli wombutho webhola eMpuma Koloni uqinisekisa abantu ngelithi ulwakhiwo loMthatha Stadium luzakuqala ingaphelanga inyanga ezayo.

Eli bala bekulindeleke kuqalwe ulwakhiwo kulo kwinyanga engaphaya kwale iphelileyo emva kokuba iNational Lottery yabhengeza umnikelo ozizigidi ezilishumi [R10-Million] kodwa, iinkqubo zokuthunyelwa kwesicelo semali kumbutho webhola kweli phondo zihambe ngesantya sofudo, nto leyo ichaphazele ukuqala komsebenzi.

Ethetha nonondaba emthatha izolo, uMkhululi Magada, walo mbutho uthe sele bebhalele inkampani yakwaLotto beyinika ubume bomsebenzi ozakwenziwa bathumela nexabiso lawo. “Ndingaqinisekisa abantu ukuba ingaphelanga inyanga ezayo kuzoqalwa ukwakhiwa ibala laseMthatha. Ingxaki ebesinayo kukuba inkampani yakwaLotto yasinika imali ngomlomo kwanyanzeleka sithumele amaxwebhu azochaza umsebenzi ozakwenziwa ngaphambi kokukhululwa kwemali.

Siyathemba imali izofika ngokukhawuleza kuzoqalwa ukusetyenzwa”Kutsho Magada. Izinto ekulindeleke zakhiwe ligumbi loonondaba, itonela, kufakwe ucingo olusemgamgathweni kwakhiwe nendawo yamapolisa.

Lo mbutho ugunyazise ikomiti enamalungu alishumi nesibhozo ekhokhelwa nguMzondeleli Qotoyi ukuba ibambe iintlanganiso ezikhawulezisileyo kuleqwe ixesha esele limkile. Le komiti yenziwa ngabantu bamacandelo ohlukeneyo abazoqinisekisa ngokuthintelwa kwamagingxi- gingxi. Iyonke imali ecelwe ngulo mbutho yiR9,954,973-48 ekulindeleke ithathwe kwishumi lezigidi eyazibophelela ekuncedeni ngayo inkampani yakwaLotto ebutsheni balo nyaka. Umzondeleli Qotoyi ongusihlalo wale komiti equka amagosa kamasipala namanye amasebe uzakubamba indibano ekhawulezileyo neqela.