Luqokelelwa ngemidlalo ulutsha lwaseTsomo

Ulutsha lweelali zaseTsomo lukruqukile zizimilo zabantwana eziqhaqhekileyo. Kulo nyaka, iinkokeli ezifana noLuthando Ndema zingqubanise iintloko nabanye.

Emva kokubonisana, babone kufanelekile okokuba kusungulwe itumente ekuzakuthi kudlalwe kuyo ibhola ekhatywayo neyomnyazi.

Mane amaqela webhola azakukhuphisana kule tumente yokuqala ezakube ibanjelwe kwilali yakuMfula, eTsomo.

Amaqela aphumeleleyo azakugoduka namabhaso aquka iikiti, iindebe nezinye izinto eziluncedo emidlalweni. Umququzeleli wale midlalo uthethe wenjenje neli phephandaba:

“Le midlalo ingeKrismesi izakube iqala kulo nyaka kula mhlaba. Ndithe xa ndibona imeko ezibakuyo iilali zethu ngexesha lokuphela konyaka; indlela ekusetyenziswa ngayo utywala neziyobisi lulutsha. Ndiye ndaqonda ukuba mandenze into ngalo nto,” utshilo uNdema.

“Ndidibene nabaphangeli abazinzalelwane zeza lali, bambi baseKapa, bambi baseKZN naseGauteng. Sithe ke masiqale itumente yebhola ekhatywayo neyebhola yomnyazi, nto leyo ezokugcina ulutsha luxakekile ngelixa lokuphela konyaka. Sikhuphe kuthi ezipokothweni sathenga izinto ezinjengeebhola, ikiti, izixhobo zokuziqeqesha kunye neendebe ezizokuthi zidlalelwe ngalo mhla,” utshilo uNdema.

“Njengoko siyiqala, kwicala le bhola ekhatywayo, amaqela mane kuphela. Ngamaqela amabini abangaphezu kweminyaka engamashumi amathathu kunye namaqela amabini olutsha. Le yindlela esithi sizame ukubonisa ulutsha indlela eyiyo yokuzikhathalela. Kwibhola yomnyazi edlalwa ngamantombazana, amaqela azakube emane nawo evela kwiilali zakwaMfula eTsomo. Kukho iindebe neemedali ezizokuphunyelelwa,” uvale ngalo mazwi umququzeleli.

Njengokuba izakuqala kulo nyaka le tumente, abaququzeleli bafuna ibe nkulu ngakumbi kunyaka ozayo – kodwa konke oko kwakuxhomekeka kwinkqubela eyenziwe kulo unyaka.

Amaqela aziwayo afana neWiiners Legends neReal Winners FC kulindeleke athathe inxaxheba.