Lusanda Dumke: Siphumelele kodwa iKenya isishiye nemizimba ebuhlungu

ULusanda Dumke ulincomile iqela lakhe emva kokuba liphuncuke kwiKenya ebelidlala nayo ekuqaleni kwale veki eStellenbosch. Umfanekiso: Springbok/Twitter

UKapteni obambeleyo weSpringboks Women, uLusanda Dumke, uliqhwabele izandla iqela lakhe emva kokuba libethe iqela lesizwe laseKenya ngo’29-22 emdlalweni wombhoxo obubanjelwe eStellenbosch ekuqaleni kwale veki. Emdlalweni wokuqala kwiveki ephelileyo, uMzantsi Afrika uyibethele oogqirha nezicaka iKenya ngo’66-0. Le yimidlalo iSpringboks Women ezilola ngayo njengokuba kusondela itumente yehlabathi (World Cup) eza kusingathwa yiNew Zealand kunyaka ozayo. UDumke, ozenzele igama ngokunceda iBorder ephumelele indebe kwinyanga ephelileyo, unikwe uxanduva lokukhokela iqela lesizwe kuba engekho uBabalwa Latsha obekhe wonzakala ixesha elide. Abadlali boMzantsi Afrika baphumelele – kodwa kuye kwanyanzeleka bakhuphe amandla wabo onke ukuze babethe iKenya ebihamba phambili ngo’22-17 kushiyeke imizuzu embalwa kuphele umdlalo.

ULibbie Janse van Rensburg ulele emgceni atsho antanganye amaqela phambi komsebenzi omhle owenziwe nguLusanda Dumke onike uMzantsi Afrika impumelelo obuyifuna kakhulu. “Eli iqela lisoloko lilangazelela ukulwelwa iziphumo ezihle ebaleni. Ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe ngabadlali abangafunanga ukunikezela nangona ibihamba phambili iKenya,” utshilo uDumke emva komdlalo. “Kuliwonga elikhulu ukudlalela iSpringbok Women esidlale ngendlela esidlale ngayo emdlalweni wanamhlanje. Ukudlala emidlalweni enjena, ngowona mvuzo wonelisayo xa ungumdlali wombhoxo. Siyithembe kakhulu indlela esidlala ngayo ngoba iyasinceda,” utshilo uDumke evuya.

Emva kokubethwa kakubi emdlalweni wokuqala, iKenya idlale umdlalo ongcono kakhulu kule veki futhi iphantse yaziphindizela kuMzantsi Afrika. “Ndifuna ukubancoma abadlali beKenya. Badlale kakuhle kakhulu kulo mdlalo. Baye emdlalweni bewufundile umdlalo wethu futhi bezilungiselele kakuhle. Umdlalo wabo ubumhle kakhulu futhi bebesebenzisa amandla kakhulu. Bekunzima ukudlala neKenya imidlalo emibini kwiintsuku ezintlanu – kodwa sikwazile ukuphumelela sinaloo mizimba ebuhlungu,” utshilo uDumke emva komdlalo.