Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!

ULusindiso Ndabakayise yifolosi edlalela iMighty Eagles edlala kwiABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe

Njengabadlali bonke abakwinqanaba elisezantsi, uLusindiso Ndabakayise unomnqweno wokudlalela amaqela amakhulu kwiPSL. UNdabakayise, 25, unethemba lokunceda iMighty Eagles edlala kwiMotsepe League xa idibana naMaZulu emdlalweni weNedbank Cup oza kube ungoLwesibini ngentsimbi yesixhenxe eKing Zwelithini Stadium kwiveki ezayo.

Abadlali abaninzi abadlalela amaqela amancinci basebenzise ithuba abalinikwe yiNedbank Cup batsho babonwa ngamaqela amakhulu. Sekulithuba uNdabakayise wakuTyhothi, eDutywa, edlalela amaqela ohlukeneyo eMpuma Koloni enethemba lokubonwa ziintlola zebhola ekhatywayo.

Ngaphezulu koko enethemba lokuphuhlisa isakhono sakhe nokufezekisa iphupha lakhe lokuba ngumdlali webhola ekhatywayo odlala kwinqanama eliphezulu. “Ndinqwenela ukufumana iqela elingaphezulu kuneli ndidlala kulo,” utshilo uLusindiso phambi kowona mdlalo obalulekileyo ebomini bakhe oko wathi waqala ukudlala ibhola ezilalini.

“Ndingavuya ukuba ndingafumana iqela elikhulu ukuze kukhuthazeke nabanye abadlali abanamaphupha kwindawo endiphuma kuyo. Ndifuna iqela lethu lidlale kakhulu, sizibonakalise futhi siyiphakamise neMpuma Koloni. Sifuna ukubonisa ukuba ikhona italente futhi namaqela ayakwazi ukudlala.

“Kungakuhle ukuba singaphumelela ukuze kubonakale ebantwini ukuba siyayazi le nto esiyenzayo,” itshilo ifolosi yeMighty Eagles. “Okuhle ngeNedbank Cup kukuba inika abadlali amathuba. Kum lithuba lokuba ndiveze italente le ndinayo. Ndiqinisekule ukuba bakhona abantu abaza kube bekhangela italente phaya.

“Sonwabe kakhulu singabadlali ngoba besisoloko silithandazela ithuba lokudlala imidlalo enje ngalo ukuze sikwazi ukuziveza nathi,” utshilo uNdabakayise onethemba lokulandela ekhondweni labadlali abafana noBongani Sam owavezwa yiNedbank Cup phambi kokudlala kwiPSL.

“Iqela lethu likulungele ukudibana naMaZulu. Akukho xesha lakuphumla; sijima ekuseni nasemalanga. Abaqeqeshi bazama ukuqinisekisa ukuba siya emdlalweni sizilungiselele ngokupheleleyo. Benza oku ngoba besazi ukuba siza kudibana neqela eliphezulu.

“Siza kudlala ngokuzimisela ngoba sifuna ukuwabetha AmaZulu. Ibhola iyajikeleza, ngeke uyigqibe. Sizimisele futhi sizibona sidlulela kumjikelo olandelayo. Ndifuna ukufaka amagowuli ngoba ngawona abalulekileyo nanokunceda iqela liye phambili. Ndizimisele ukwenza igalelo nam eqeleni,” utshilo ifolosi yeMighty Egles.