Luyaqina ukhuphiswano phakathi kwamaqela adlala kwiMotsepe League!

Amavarara FC Umfanekiso: Anele Raziya

Ukhuphiswano
kwi-ABC Motsepe League luphakathi kweSibanye FC, iTornado FC neBizana Pondo
Chiefs. Oku kuboniswa ziindawo ahleli kuzo la maqela. ISibanye FC ihleli
kwindawo yokuqala, ilandelwa ziintshatsheli ezikhuselayo, iTornado FC, ilandelwe
yiBizana Pondo Chiefs ekwindawo yesithathu. Onke amaqela aphambili adlale imidlalo
elishumi elinesithandathu. Ngempela veki, iSibanye FC yaseBhayi inethuba esihle
lokuvula umsantsa phakathi kwayo neTornado FC ezakube idlala neKaizer Chiefs
emdlalweni weNedbank Cup ekulindeleke ukuba ubanjelwe eSisa Dukashe Stadium
emalanga ngeCawe.

ISibanye
iza kudlala noMthatha Bucks emalanga ngoMgqibelo eMthatha Stadium. 
Kulindeleke
umdlalo ube kwizinga eliphezulu ngoba omabini amaqela ayiphumelele imidlalo
egqithileyo. Iqela laseMthatha lizakube ligxeleshe amanqaku amathathu ukuze
linyukele ngasentla kunendawo yesithandathu elihleli kuyo. IBucks inamanqaku
angamashumi amabini anesibhozo ebhodini emva kweemidlalo elishumi elineshlanu
eliyidlalileyo. Kanti iBizana Pondo Chiefs izakube ifuna indawo yesibini xa
isamkela iSUBS engaqhubi kakuhle ngoMgqibelo.

Eminye
imidlalo, Amavarara FC aza kutyelela iFuture Tigers ngorhatya ngoLwesihlanu;
ngoMgqibelo emva kwemini, iPeace Makers idlala neHighbury; iBush Bucks ihlangana
neBirmingham City, iPE Stars iza kunyathelana neYakha United logama
iButterworth FC iza kutyelela iThe Guys ehleli emsileni kwiABC Motsepe League.

 

Iziphumo
zempelaveki:

Yakha
United 3-1 Butterworth FC 

Matta
Milan 3-1 The Guys

Birmingham City 3-1 Future Tigers

Bizana
Pondo Chiefs 2-0 Bush Bucks A FC

Highbury
FC 0-4 Tornado FC 

SUBS
1-1 Peace Makers