Luyavalwa ucango ngomso, uphi uMolangoane?

Ngomso ngumhla wokugqibela kule nyanga, lo nto ithetha ukuthi iyavalwa inyoba yokuthenga nokuthengwa kwabahlali ngokusesikweni ngamaqela adlala kwiPremier Soccer League. Abalandeli bebhola balinde ngomkhulu umonde – bambi bayazibuza ukuba ingaba ngoobani abadlali abazakubhengezwa ngamaqela ohlukeneyo ngomso. 

Akukacaci – kodwa lizakutshona wonke umntu esazi ngomso. Omnye wabo badlali ekungecaci kakuhle ukuba uyakuphelela phina nguJoseph Molangoane. 

Umdlalimnye abadlale kakuhle kakhulu kwisizini yePSL ka’2015/16 wade watsala umdla wamaqela amakhulu kwibhola yoMzantsi Afrika – kodwa kuthe ekupheleni kwesizini edlulileyo kwavakala iingxalo ezithi ufunwa yiKaizer Chiefs. 

Kweso sithuba sokufunwa kwakhe kuye kwacaca ukuba usenesivumelwano neChippa – lo nto wayikhabayo lo mdlali njengento engekhoyo. Khange iyithathu kancinci kwaphela iChippa.

Njengokuba kude kwavulwa isizini uJoseph Molangoane engekho kwinkampu yeChippa, kuvakele into ethi usihlalo, uSiviwe Mpengesi, uzimisele ukumyeka aye kule ndawo ayifunayo kodwa ngemali nanjengoko esithi unesivumelwano sengqesho neqela lakhe. 

Ngoku lo mba kuvakala iingxelo ezithi uzakuhlalelwa yikomiti yePSL esombulula iimbambano(DRC) ekuseni ngomso.

UMolangoane kuvakala ukuba sele evumelene neChiefs – qha ngoku ingxaki yile yokubangwa kwakhe yiChippa. Amakhosi kubongakala ngathi akazimiselanga kumthenga lo mdlali kude kusombululeke eliqhina liphakathi kwakhe neChippa.