Kukho intetho ethi: “impi yamadoda ayipheli”. Inyanisile futhi akukabikho themba lokuphela kwayo ephakathi kukaSead Ramovic noRulani Mokwena. Xa edibene la madoda mabini, ziyaduma oko. Ngoku sekungenelele nabanye abantu. Izinto zabambi ngakumbi kunyaka ophelileyo emva kokuba uBongani Zungu wophula uBernard Parker.
Kulo nyaka uMokwena watyhola uRamovic ngokuxhokonxa abadlali bakhe ukuze baphindezele okwenzeka kuParker. Zange ihlale kakuhle lo nto kumqeqeshi weTS Galacy nakubaphathi bayo ababhenele enkundleni ngelinyanzela uRulani ukuba makaveze ubungqina.
Abalandeli bebhola ekhatywayo baphinde bafumana umdlalo osemgangathweni ophezulu izolo phakathi kweTS Galaxy neMamelodi Sundowns. Umdlalo uphele entanganye ngegowuli elinye macala eMbombela Stadium – kodwa kuye kwakho udushe ebaleni kwangena namapolisa.
Kuyacaca ukuba uSead noRulani bebekhe batsarhana ngamazwi arhabaxa kusaqhubeka umdlalo. Abakwazanga ukudibana ngqo emva komdlalo ngoba kuye kwangena abantu phakathi kwabo. Isindile iSundowns izolo ngoba iTS Galaxy ibizimisele ukuyiguqisa phantsi – kodwa igowuli elifakwe nguPeter Shalulile liyihlangule.
Ethetha emva komdlalo, uSead Ramovic uthe iqela lakhe beliyongamele iSundowns emdlalweni obutaka iintlantsi. “Umdlalo ubuphethwe sithi. Khange ibonakale iSundowns. Siyibonisile ukuba iyakwazi ukungaphumeleli ngabadlali bayo bezigidi zedola. Ndincoma abadlali bam ababonise intshisakalo emdlalweni.
“Ayikholeleki indlela abadlale ngayo,” utshilo uRamovic phambi kokukhwela ezehlela kuRulani. “Sibonise ukuba siyakwazi ukwenza umsebenzi osemgangathweni ophezulu. Endaweni yokuchitha iR200-million, ndingabacebisa ukuba bathenge uMbappe, uRonaldo okanye uMessi ukuze basibethe kwixesha elizayo,” utshilo uRamovic.
Emva komdlalo wayizolo, iTS Galaxy iyibethelele indawo yayo kwiTop 8. Iya emdlalweni wangempelaveki inganyanzelekanga ukuba iphumelele. Kwelinye icala, uRulani uthe akakuthandi ukudlala neTS Galaxy ngenxa yezinto ezithi zenzeke ebaleni.
Okubalulekileyo emva komdlalo wayizolo kukuba iSundowns ayikabethwa kule sizini kwiDStv Premiership. Iza kuthwaliswa isithsaba sayo ngoMgqibelo emva kokuphumelela indebe amatyeli asixhenxe elandelelana. Emva koko, iSundowns iza kubuyela eMpumalanga – apho iza kudibana ne’Orlando Pirates emdlalweni weNedbank Cup ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile