Mabindisa: Sizimisele ukukhulisa iSoftball

Umfundi waseFort Hare University, uNolwazi Mabindisa, uzimisele ukukhulisa umdlalo weSoftball kwiphondo leMpuma Koloni.

Eli nenekazi, elibhengezwe njengomnye wabadlali abatsha beqela lephondo leMpuma Koloni, lithi liwa livuka lizama ukufundisa ulutsha leMpuma Koloni ukuba yintoni umdlalo weSoftball.

“Ujongelwa phantsi lo mdlalo yaye abantu abaninzi abawazi. Ndizimisele ukufundisa nabani na ofuna ukuwudlala. Simanxadanxada noogxa bam sifundisa abafundi baseFort Hare University. Kodwa injongo yethu kukuba sifundise ulutsha kwiphondo liphela,” utshilo uMabindisa.

Nangona ungaziwa kakhulu kwiphondo leMpuma Koloni lo mdlalo, uMabindisa ubancome kakhulu abemi bendawo eyayisakubizwa ngeTranskei mandulo ngokuthatha inxaxheba nokulangazelela ukuyazi iSoftball.

“Ayikaziwa kweli cala lalisakubizwa iCiskei mandulo, kodwa mandincome ngumdlalo othandwayo kakhulu kula mmandla ophesheya kweNciba,” woleke ngatshoyo uMabindisa.

UMabindisa, 28, uthi iphupha labo kukuvelisa abadlali abaza kuba yinxalenye yeqela loMzantsi Afrika eliza kuthatha inxaxheba kwimidlalo yeOlimpiki ngo2020, eza kubanjelwa eJapan.

“Lo mdlalo udinga umntu owukhuthaleleyo. Sizimisele ukuvelisa abadlali beqela lesizwe eliza kuthatha inxaxheba kwimidlalo yeOlimpiki zonyaka,” uvale ngalo mazwi uMabindisa.

isibhalo@inl.co.za