Makhubedu: Bayidelele abadlali bam iSuper Eagles

Umdlalo we-ABC Motsepe League phakathi kwe-Acornbush neSuper Eagles namhlanje eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umqeqeshi we-Acornbush, uMacDonald Makhubedu, ayimxolisanga ncam indlela abadlali bakhe abadlale ngayo emdlalweni emva kokuba iqela lakhe lidlale ntanganye ngeqanda macala (0-0) neSuper Eagles kumdlalo wokuvula itumente ekuzakuthi kuhluzwe kuyo amaqela amabini azakudlala kwiNational First Division, eBuffalo City Stadium. Le midlalo iquka onke amaqela aphume phambili kwi-ABC Motsepe League ngokohlukana kwamaphondo. Ukungaphumeleli kwe-Acornbush kumdlalo wayo wokuqala kuyibeke phantsi koxinizelelo olunzima phambi komdlalo wayo wesibini ne-Uthongathi FC.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nelinye iqela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Isiqalo somdlalo besisihle kakhulu, kucace zisuka nje ukuba omabini la maqela afuna ukuwuphumelela umdlalo. Nangona bekunjalo – kodwa yi-Acornbush yaseMpumalanga enkqonkqoze izihlandlo eziliqela kwiimpondo ze-Eagle. Omnye wabadlali abayingozi kwiqela laseMpumalanga, uMduduzi Nkosi, uphantse wenza ingozi ngethuba engena emadodeni nebhola phambi kokuphulukana nolawulo lwayo. Ekuhambeni kwexesha umdlalo weSuper Eagles uye waqina futhi ikwazile ukuwenza amatile-tile kumdlalo we-Acornbush. Ingxaki yala maqela kwisiqingatha sokuqala ibikukungakwazi ukusebenzisa amathuba kwiindawo ezibalulekileyo.

Isigaba sesibini somdlalo asivelisanga magowuli naso. Emva kwexesha lokuphumla iSuper Eagles ibuye inamandla futhi nomdlalo wayo uye waphucuka. Nangona iqela laseMpumalanga ibilelona lijongwe kakhulu kulo mdlalo – kodwa abadlali balo abakwazanga kwaphela ukusebenzisa amathuba athe avela emdlalweni. Lona iqela laseFree State (Eagles) lifumene ithuba lokufaka igowuli ngomzuzu wokugqibela emva kokuwiswa komdlali walo. Ngelishwa layo ayikwazanga ukulisebenzisa kakuhle elo thuba.

Umqeqeshi we-Acornbush, uMacDonald Makhubedu. owazenzela igama ngokugxeka iKaizer Chiefs kumdlalo weNedbank Cup kwiinyanga ezidlulileyo, utyhole abadlali bakhe ngokudelela emdlalweni. “Badelele abadlali bethu ngenxa yokuzithemba okugqithisileyo. Beze kulo mdlalo becinga ukuba elona qela liphambili lelabo. Yona i-Eagles ize kulo mdlalo ingafuni kubethwa qha. Ukuphosa amathuba ngamanye amaxesha singatsho ukuthi kuyinxalenye yomdlalo – kodwa lo nto akufuneki yenzeke ninendelelo phakathi. Nangomso amaqela azakuhlala emva avale xa edlala nathi, kufuneka sisebenzise ubukrelkrele,” utshilo uMakhubedu.

Umqeqeshi weSuper Eagles, uTshegofatso Mashego, ulamkele inqaku elinye alifumene kulo mdlalo. “Umdlalo ubunzima. Besibazi indlela abadlala ngayo. Abanayo indlela ecacileyo abadlala ngayo – qha bathembela ngamandla namendu. Into ebesiyifuna kukuka ibhola phantsi, siyigcine kuthi ukuze beze kuthi. Into esize siyazi kukuba sinalo inqaku, bekunyanzelekile ukuba sikhusele elo nqaku,” utshilo uMashego.