Kungelishwa ukuba xa ubeke ilaphu elikhulu elimhlophe uze ufakele ichokoza elinye, wonke umntu uzakubona elo chokoza.
Kumakhasi agqithileyo ndikhe ndamemelela ukunikwa ithuba koosomashishini bethu neendawo zabamnyama ezisezilokishini kumaqiqithi-qithi ezoqoqosho. Oku kuquka iindawo zokulala, ukudla kunye nezinye xa kukho imidlalo emikhulu.
Kodwa kuninzi ekufuneka kusiwe iso xa kuzakwabelwa uluntu elisezilokishini kweli qhekeza. Kwiveki esiphuma kuyo sibenenyhweba sileli phondo lokusindleka imidlalo yokubhiyozela inyanga ebekelwe ecaleni ngumbutho wehlabathi wezizwe ezimanyeneyo yalowo wabangumongameli wokuqala weli uNelson Mandela.
Le midlalo ibaluleke kakhulu iye yasindlekwa eBhayi kwilokishi yakwaNoxolo nalapho amazwe amathathu; iSeychelles, Amajamani kunye noMzantsi Afrika ebequbisene khona.
Iholo iGeorge Botha ibizele imi ngeembambo kungekho nendawo. Le nto yasinika isidima esingafumanekiyo xa kudlalwa kwiindawo ezisezidolophini nalapho ibangabadlali bodwa ababukelanayo. Oku kunika umdla omandla nakubatyeleli ukuze bakwazi ukuva umfutho walapha ekhaya.
Phambi kokuba siqhwabe izandla ke kodwa akhona amatyheneba angabangela umbathalala ukuba akukho mhlabelo. Okokuqala ulutsha ebelusisininzi sababukeli sinako ukunganqandeki ngakumbi xa sikhe sadlula emaphandeni. Ndibukele indlela ebekuyaluzela ngayo xa kuculwa imihobe yezinye izizwe neyelapho kananjalo. Ukuchasa nokuxwaxwa kweembethi manqindi zamanye amazwe nako akuhlanga kamnandi.
Eyona nto ke ebelihlazo kukuduka kwempahla zabasemzi, zibiwa ngethuba besiya eqongeni. Igosa lesebe lezemidlalo lona liqhekezelwe inqwelo-mafutha kwaduka izinto ebezingaphakathi.
Zonke ezi zinto zenza ukuba eli khwelo lokuzisa iziyunguma zalo mdlalo kwindawo ibenkenenkene ngakumbi. Kuninzi ke ekufuneka kwenziwe ukuze kulaliswe abantu bakwamnye amazwe, badlalele kwiindawo zethu. Eyona nto ke ingundoqo ngele kokhuseleko ekufuneka lenziwe kufuneka iimfundiso ezizodwa.
Ngobani ke ekufuneke bashumayele indlela yokuziphatha kwesizwe sethu? Kutheni sisiszwe esingakhathaliyo? Le mibuzo mibini yimibuzo esiyibhala sizama ukuphendula kodwa kufuneka isisombululo esisiso ngokukhawuleza.
Amaholo asezilokishini uninzi lawo awenzelwanga kusindleka imithamo emininzi neendawo zokubeka iinqwelo-mafutha ezizizo, kulapho izigila mkhuba zifumana ithuba. Kufuneka xa kusenziwa iindawo zokudlalela kubandakanywe imibutho yamangqindi ukuze le miba ingentla isiwe iso.
Isimemelelo sokuba kufundiswe ukubaluleka kwemihobe yesizwe makubeyinxalenye yezifundo zesikolo, kufundiswe ubuthandazwe nokuzingca kolutsha nakuluntu jikelele. Oku kunganqanda ukungahlonitshwa komhobe wesizwe nabandwendweli.
Kunyanzelekile ndoyamile kubaququzeleli bomsitho kuba banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu basemzini bakhuselekile maxa onke.
Kungoko kufuneka ukuba kudityenwe neekomiti zokuhlala kunye nabahlali banikwe imfundiso ngokubaluleka kwabatyeleli kwindawo yabo. Ukhuseleko lokuqala luphuma kubahlali ngokwabo. Olunye ukhuseleko lubayinxalenye yokujongwa ngokukodwa abatyeleli.
Kuninzi ke ekufuneka kwenziwe ekuqiniseni eli khwelo njengoko imidlalo yale mpelaveki isibonise imisantsa nomsebenzi ekufuneka wenziwe. Masiyeni ke sizwe sikaNtu siyokufundisa umlisela nomthinjana ngokubaluleka komhobe wesizwe nokuphathwa kweendwendwe zethu.
Ikhwelo lokulalisa nokusindleka iziyunguma ezilokishini malungacinywa ngoonqalintloko abangakhathaliyo sisidla amazimba. Ndisatshaya!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party