Umdlalo ngamnye elizweni uye ube nabantu obagqamisayo abaye bajike babe ngamaqhawe esizwe. Loo maqhawe aye awongwe ukuze ahlale esisibonelo esihle kwabasakhulayo. Kaloku impumelelo yabadlali iye iphakamise ilizwe lonke. Kulapho ke baye badlwengula umdla wabalandeli nabo bangengobalandeli. Bayancedisa kuhlumo loqoqosho lelizwe bakwanika abantu ithemba ngexesha lobunzima futhi basisibonelo esihle kulutsha esizweni sonke. Maninzi loo maqhawe apha kwiphondo lweMpuma Kapa ekuquka ongasekhoyo uNkosana “Happy-boy” Mgxaji owayezalisa amabala ezemidlalo. Namhlanje kodwa ndifuna siqwalasele amaqhawe amathathu azinzalelwana zeli phondo.
Loo maqhawe nguNoni Tenge, uWelcome Ncitha kunye noVuyani Bungu. UNoni Tenge uyimbethimanqindi yokuqala kwicala lamanenekazi eyabayinjinga yehlabathi kweli lizwe. Wayikhusela ngesidima intshinga yakhe noxa waye waphulukana nayo ekugqibeleni ngenxa yokuswela imilo eyaneleyo ukuze ayigcine. Waba ngunozala weenjinga ezininzi zabasetyhini kweli lizwe. UWelcome Ncitha wabayinjinga yokuqala yehlabathi kweli phondo ephumelela intshinga yakhe yehlabathi kwaSirayeli ngo-1990. Intshinga wayiphumelela ngethuba kukho izixholoxholo zokuwisa kwephandle laseCiskei.
Yamnyanzela lo nto walwa ngaphandle komqeqeshi wakhe, uMzimasi Mnguni, owaye wanyanzeleka ukuba abuye azokujonga amashishini wakhe ekhaya. UHlongwane waba ngumdlali wokuqala owaphumelela kuqala inkqubo entsha eMzantsi Afrika kukho nefulegi yesizwe entsha ngo-1993. UVuyani Bungu waba yintshatsheli yehlabathi ekhusele intshinga yayo izihlandlo zininzi ngaphezulu kunazo zonke kwazo zonke iimbethimanqindi eMzantsi Afrika. Uyiphumelele intshinga yakhe ngo-1994, unyaka ekwakuvotwa ngawo okokuqala ngabantu abamnyama eMzantsi Afrika. UVuyani Bungu noWelcome Ncitha basebenza kumasipala waseBuffalo City Metro njengoonozithetyana.
Yena uNoni Tenge usebenza kwindawo yokuzilolonga eGqeberha njengomqeqeshi. Zontathu ezi mbethimanqindi zamandulo zingoovul’indlela abaphakamisa ilizwe loMzantsi Afrika kwaye asizange sive similo esibi ngazo. Zisisibonelo kumlisela nothinjana wesizwe. Ngoku bekumele ukuba zincanca izapholo zemisebenzi yazo. Masizibulele kula maziko athe abakhongoza abanika umsebenzi ukuze babeke isonka etafileni. Kodwa singayifihli eyokuba kwelinye icala isisenyeliso kubo into eyenzeke ebomini babo. Kufuneka sibhinqe omfutshane silwele ukuba igalelo labo emanqindini libabeke kwiindawo ezibhetele. Kungakuhle ukuba kungakho izitalato, amaholo nelokishi ezithiywe ngabo. Ingenzeka lo nto xa kunophakama thina sonke.
Izimvo zezikaSonwabo Nogqala.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?