Mangweni: Iza kubanzima imidlalo yethu ezayo

Umqeqeshi weBorder Bulldogs, uTiger Mangweni, uthi iza kubanzima kakhulu imidlalo ezayo yeqela lakhe kwiSupersport Rugby Challenge.

Le ndedeba ikuvakalise oku emva kokungcwatywa kweBulldogs ngo’50-0 yiBoland Cavalliers kwiveki ephelileyo eCambridge.

UMangweni uthi yonke imidlalo abaza kuyidlala iza kubanzima kakhulu.

“Umdlalo olandelayo sidibana neEP Elephants ebuhlantini bayo. Ndiyakholwa ukuba uza kubanzima kakhulu umdlalo ngoba abadlali beSouthern Kings abadlala kwiPro 14 baza kubakhona. Phofu neminye imidlalo elandela lowo ayizukuba lula ngoba yonke siyidlalela kude nabalandeli bethu,” utshilo uMangweni.

Ukuhlazwa yiBoland kuthetha ukuthi iqela laseMonti libethwe emidlalweni emibini ilandelelana. UMangweni usola ukungafumani ixesha eloneleyo nabadlali njengeyona nto ebethisa iqela lakhe.

“Ubonile nawe ukuba sidlale kakuhle kwisiqingatha sokuqala kodwa ukungazilolongi ngokwaneleyo kubonakele kwindlela esiqhube ngayo kwisiqingatha sesibini. Ndibafumana kanye ngemini abadlali ngoba uninzi lwabo luyaphangela kanti abanye ngabafundi,” utshilo okaMangweni.

Nangona iBulldogs yanikwa izigidi ezine nguRhulumente kodwa akukabikho badlali enezivumelwano zengqesho nabo. Lo nto yenza kube nzima ukufumana abadlali.

Kwimidlalo emithathu egqithileyo, okuqaphelekileyo kukuba iBulldogs idlala kakuhle isiqingatha emva koko iphelelwe ngamandla kwesesibini. Amaqela eza kuqubisana nawo ngoku kwiSuperSport Challenge yiEP Elaphants, iSharks, iFree State Cheetahs neSouthern Western District Eagles.

Yena umqeqeshi weBoland, uRandall Modiba, uthe akafuni iqela lakhe lizifake phantsi koxinzelelo. “Asifuni ukuzifaka phantsi koxinzelelo siliqela. Siza kujongana nomdlalo omnye evekini.

Okwangoku, izinto zisihambela kakuhle ngoba siyiphumelele yonke imidlalo yethu. Qho ngeveki sijongana nomdlalo esiya kuwo,” utshilo uModiba.

isibhalo@inl.co.za