Mangweni: Iza kufika siyilindele iBoland!

IBorder Bulldogs isebenzisa imidlalo yeSupersport Rugby Challenge njengamalungiselelo weCurrie Cup.

Kwiveki ephelileyo, iBulldogs itywatyushwe yiWestern Province ngo’48-28 emdlalweni obuseOld Selbornian.

Umqeqeshi weBulldogs, uTiger Mangweni, uthe iqela lakhe lizilungiselela imidlalo ezayo yeCurrie Cup.

“Bendizilindele iziphumo ezinje kulo mdlalo. Ndiyazazi iingxaki ebesijongene nazo phambi kwetumente. Sendizixelele ukuba siza kusebenzisa le tumente njengamalungiselelo weCurrie Cup,” utshilo uMangweni.

UMangweni uthe nangona iqela lakhe libethiwe kodwa kuninzi okuncomekayo kubadlali bakhe.

“Uninzi lwaba badlali alinawo amava kweli zinga kodwa kuninzi ekuncomekayo abakwenzayo,” utshilo uMangweni.

IBulldogs yamkela iBoland Cavalliers emdlalweni wombhoxo eBuffalo City Stadium ebusuku ngoLwesihlanu.

“Imidlalo emibini esiyidlalileyo indibonisile into ekufuneka siyilungise nokuba siza kuyilungisa njani. IBoland iza kufika siyilindele,” utshilo uMangweni eqinisekile.

IWestern Province iyiphumelele yomibini imidlalo yokuvula iSuperSport Challenge. Umqeqeshi weWestern Province, uJerome Paarwater, uthe bazimisele ukuyiphumelela iSuperSport Challenge.

“Isokolisile iBorder emdlalweni kodwa lo nto ibancedile abadlali bethu ukuze bazazi ukuba basemdlalweni. Zininzi iimpazamo abazenzileyo, nangona kunjalo, ndinalo ithemba lokuba sisesekhondweni elihle lokuyiphumelela iSuperSport Challenge,” utshilo uPaarwater.

Komnye umdlalo, iEastern Province Elephants ibethe iSouth Western District Eagles ngo’59-24. Iziphumo zeSuper League ekwiBorder: Berlin Tigers 8-5 Buffs, WSU All Blacks 13-8 Breakers, United Brothers 36-0 Old Collegians, Ocean Sweepers 18-5 Ntlaza Lions.