Mapimpi: Akululanga ukuba ngumdlali wombhoxo ezilalini

UMakazole Mapimpi noMzwandile Stick bethetha neentatheli ekuseni ngoMgqibelo, eMonti, phambi kokuqala kwemibhiyozo yaMabhokobhoko Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umdlali ophambili waMabhokobhoko, uMakazole Mapimpi, ufuna kuncedwe abadlali abasezilalini ukuze bafumane amathuba okudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.

UMapimpi wenze imbali ngokuba ngumdlali wokuqala obuye netrayi emdlalweni wokugqibela kwitumente yehlabathi ebandakanya Amabhokobhoko avuthulule iNgilane ngo’32-12 kutshanje eYokohama Stadium.

“Kunzima ukuba ngumdlali wasezilalini. Akululanga ukufumana amathuba okudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu. Ingase iBorder Rugby ibuyise indlela enokunceda abadlali abasemaphandleni nasezilokishini,” utshilo uMapimpi ethetha neentatheli ngethuba AmaBhokobhoko etyelele eMonti.

UMapimpi uthi kuyamchwayitisa ukuba yinxalenye yeqela lesizwe elibuye neNdebe yeHlabathi.

Le ndedeba yaseTsholomnqa izenzele imbali ngokulala emgceni kathandathu emidlalweni yehlabathi.

“Bekungelulanga endleleni eya kwiNdebe yeHlabathi. Ndiyalibulela ithuba endilifumeneyo lokumela isizwe,” utshilo uMapimpi.

Utsho ehlaba ikhwelo koosomashishini ngelithi mabaxhase iBorder Bulldogs ukuze ikwazi ukuvelisa abanye abadlali abakwizinga eliphezulu.

“Ndinqwenela ukubona iBorder Bulldogs ifumana inkxaso. Abadlali abancinane abanezakhono abakufuni ukuyidlalela ngenxa yenkxasomali engekhoyo,” utshilo uMapimpi.

Emva kokudlala kakuhle kwitumente yehlabathi, uMapimpi uthi usakunxanelwe kakhulu ukudlalela iqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika.

“Andingomntu osemva kokuphumelela izinto. Eyona nto endiyifunayo kukudlala umbhoxo. Ndilangazelela ukudlala umbhoxo, ndimele isizwe.”

Kanti omnye umdlali ophuma kwiBorder nguLukhanyo Am oncome umqeqeshi weBoks, uRassie Erasmus.

“Ungumntu okhutheleyo kakhulu. Ungumqeqeshi okwinqanaba eliphezulu futhi uyayazi into ayenzayo. Uyabonakala umsebenzi wakhe. Kuninzi esikufundileyo kuye kule minyaka mibini. Phambi kweNdebe yeHlabathi, usikhuthazile kakhulu. Usikhumbuze ngokubaluleka kokunxiba isikipa seBoks ,” utshilo uAm.

ULukhanyo uthi kudala waba nephupha lokuphumelela iNdebe yeHlabathi.

“Ukuphumelela iNdebe yeHlabathi ibiliphupha lam ndiselula. Kudala ndayilangazelela imbasa yeNdebe yeHlabathi,” utshilo uAm.