Kwakhona I’solezwe lincokole nenzwakazi ethanda ibhola ngokungenambaliso. Ngumlandeli weBhakaniya ozalelwe kweli phondo leMpuma Koloni – kodwa olihamba lonke eli lizwe ngenxa yokuthanda ibhola ekhatywayo.
Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Gqaba gqaba, usisi ngubani ehlalaphi?
Zoliswa Galo: Ndiyabulela kakhulu. Kemna ndinguZoliswa Galo, ndazalelwa ndakhulela eMthatha kwilali ekuthiwa kuseRosedale.
PM: Nceda usibalisele ukuba uqale nini ukuba ngumlandeli we-Orlando Pirates?
Ndaqala ukulandela i-Orlando Pirates ngethuba ndandisafunda eHigh School ngenxa yoogxa bam endandifunda nabo abangamakhwenkwe bekwa xhasa eliqela lePirates. Ndandiba nomdla xa bencokola ngemidlalo kuba ndandiyithanda. Kwibhola ekhatywayo ndatsalwa yimincili yabalandeli ababeyibonakalisa phambi kwemdlalo yePirates naxa eliqela liphumelele.
Ndaqala ngokubukela imidlalo ekhaya, ndandizilungiselela ukuba ndingashiyeki xa bethetha. Emva kwethuba ndayakubukela umdlalo weBush Bucks namanye amaqela alapha ekuhlaleni – lakhula ngakumbi kengoku uthando lwebhola kum.
PM: Iqela lakho aliqhubanga kakuhle kwisizini ephelileyo, ikuphatha njani lo nto?
Indiphatha kakubi kakhulu kodwa ndinethemba kule isizini, ndiyathemba futhi nabadlali bafundile kwiimpazamo zabo abazenze kwisizini edlulileyo.
PM: Njengokuba kukho umqeqeshi omtsha uMuhsin Ertugral nabadlali abatsha, ulindele ntoni kubo?
Ndinethemba lokuba uzabuyisa isidima sePirates. Ewe, kona akuzubalula – kodwa kumele asebenze ngokuzimisela okukhulu. Ayiloqela elincinci iPirates, sijonge ukudibanisa amashumi asibhozo eminyaka ngoku.
Abadlali ndilindele ukuba benze le nto bebebonwe beyenza ukuze bade babonwe ukuba balungele ukubopha amathambo eLafarge, bangafiki bapake iBhasi xa bedlala futhi bahlale bathobekile.
PM: Yintoni emnandi ngokuba ngumlandeli nokuba yinxalenye ye-Orlando Pirates East London Supporters Branch?
Kukudibana singamalungu ndawonye kuncokolwe ngezemidlalo, izinto ngobom, siyafundisana futhi sihamba ilizwe ngenxa yale Orlando Pirates.
Mhhhh….ukuthandana nokuncedana singabalandeli, sincede noluntu. Isebe lethu alijonganga ezemidlalo kuphela – sibeka amakhaya phambili futhi kuncedwe nalapho kufuneka khona uncedo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?