Masicace into esiyiyo iSpringboks

Abadlali beSpringboks uCourtnall Skosan (ekunene) kunye noFrans Steyn

Kuzakube kuqhawuka unobathana ngenkqu xa kudibana amazwe amakhulu embhoxweni wehlabathi kule mpelaveki.

UMzantsi Afrika ugagana neFrance kumdlalo ekulindeleke utake iintlantsi ePitoli ngo’17:00 ngoMgqibelo. Emva kokungaqhubi kakuhle kweqela lesizwe kwisizini ephelileyo, ngoku lifikile ixesha lokuba iSpringbok sicace into esiyiyo. Kunyanzelekile AmaBhoko-Bhoko azame ngandlela zonke ukuze ayibethe iFrance kulo mdlalo ukuba asafuna ukuhlonitshwa embhoxweni nokuxhaswa ngabalandeli abangaxolanga emva kwezinto ezenzeke kunyaka ophelileyo.

UCoetzee uya kulo mdlalo ubalulekileyo enokapteni omtsha. Uchonge uWarren Whiteley njengeyona ndoda efanelekileyo ezakuthi ikhokele uMzantsi Afrika ukusukela ngoku ukuya phambili.

Ayizodyongo ke iFrance, iyawacambalalisa amadoda abhetyebhetye. UCoetzee uthi iFrance kufuneka bayihloniphe ngoba iyingozi.

“Kufuneka siyihloniphe iFrance ngoba ingakohlwaya kakubi xa ungayihloniphi. Xa ujonga imbali yayo apha ekhaya, bafumene iziphumo ezihle. Badlala umbhoxo umhle kakhulu. Ndiyavuya ngoba siyafuna ukuvavanywa liqela elomeleleyo,” utshilo uCoetzee kutshanje.

Emva kothotho lweentlanganiso phakathi kwabachaphazelekayo embhoxweni, umqeqeshi uzifumene izinto ebezifuna.

Uncediswa ngoku nguFranco Smith noBrendan Venter abanconywayo kakhulu. Yiyo lo nto kunyanzelekile ukuba iSpringboks sisebenze ngokuzimisela kumdlalo ozayo.