Masilole iimbethimanqindi zethu eziza kubuya neembasa ngo’2028!

Unyaka ka2023 ngunyaka obalulekileyo kahkulu kwiimbethimanqindi ezikwizinga lehlabathi kwisigaba sabangahlawulwayo.

Unyaka ka2023 ngunyaka obalulekileyo kahkulu kwiimbethimanqindi ezikwizinga lehlabathi kwisigaba sabangahlawulwayo.

Lo ngunyaka wokulwela indawo kwimidlalo ye-Olimpiki eza kube iseParis, eFrance, kunyaka ozayo. Imibizo esezinqondweni zethu iquka ukulungela kwethu ukuya kwi-Olimpiki ngoba sagqibela ngo2012, eNgilane – apho sasineembethimanqindi eza phuma kwangoko.

Okuhle ngoku kukuba zikhona izinto ezenziweyo eziza kuqinisekisa ukuba sisa ingqaka kwi-Olimpiki kunyaka ozayo. Ukuze sihambe sonke futhi kutyhileke nentsingiselo yalo mxholo, masicacise indima ebalulekileyo eyenziwa licala loshishino emdlalweni wamanqindi.

Okokuqala, ngokomgaqo-siseko wombutho ophethe amanqindi kwihlabathi, i-International Boxing Association (IBA), imibutho ephethe amanqindi emazweni aphantsi kwayo kuufuneka abe nenkomfa yolonyulo lweenkokheli qho emva kwemidlalo ye-Olimpiki. Le nto ibonisa ukuba phakathi kwemigomo ebalulekileyo ephilelwa ngala maqumrhu kukuvelisa umgqeku oya kwi-Olimpiki. Kungoko kufuneka isigqeba sesizwe sifihle iintloko phakathi kwamathanga xa sithe safeda ukufezekisa lo mgomo. Xa imbethimanqindi isuka kwi-Olimpiki, nokuba ayizuzanga nambasa, kuvame ukuba ibuye igqugqise kwiqonga labahlawulwayo. UMasibulele Makhephula, u-Oscar Chauke noSiyabonga Sonjica yimizekelo ephilayo.

Le nto ibonisa ukuba xa abadlali bedibene nooxholovane emidlalweni ye-Olimpiki, babuya bebukhali kakhulu. Ukuya kwi-Olimpiki asiyondlwan’iyanetha – kodwa kukunika ubunganga, iwonga, udumo kunye nelifa lokuziphilisa naphakade. Esililini samanqindi esiyiMelika, xa umdlali ebuya kwi-Olimpiki, ulwela imidlalo yentshinga yehlabathi. UVasyl Lomachenko, obeyinjinga izihlandlo ezine kwi-Olimpiki, kumthathe imilo emine kuphela ukuba alwele intshinga yehlabathiye yeWBC. Indlela eya kuloo midlalo iqala ngokuthatha inxaxheba kumanqwanqwa ngamanqwanqwa asezingeni lehlabathi. Ngoku yeyiphi le midlalo funeka siye kuyo?

1. Imidlalo yamazwe angabamelwane.

2. Imidlalo yeziganeko ekwizinga lamazwe angamathanga (Common Wealth Games).

3. Yona ilandelwe yimidlalo ekuthi yiGold, Silver neBronze belt.

4. Elandelayo yimidlalo yokulwela ubunganga kwizwekazi le-Afrika (Continental Championships).

5. Imidlalo yobunganga yehlabathi (World Championships). Kugqibele ke imidlalo ye-Olimpiki.

Owona mongo weli binza kukubonisa ukubaluleka kokusa iimbethimanqindi ezisemgangathweni ophezulu emidlalweni ye-Olimpiki. Alisekho ixesha lokulungiselela iimbasa zika2024, eParis.

Abaxhuzula imikhala mabeze nesicwangciso esicacileyo ze-Olimpiki ka2028. Abadlali mabalwe kuzo zonke itumete zika-IBA.

Kufuneka singongezi nje inani, kufuneka silwele ukuzuza iimbasa emidlalweni yeWorld Championships. Masiqale ngoku sibhinqe omfitshane sikhangele abaxhasi abanokuncedisa sibuye neembasa kwi-Olimpiki.