Masinqande imfuduko yeembethi manqindi

Iminyaka ngeminyaka, imiqodi yeembethi manqindi zeli phondo zisoloko ziphuma zisiya kwamanye amaphondo ngeenjongo zokufuna amarhiwu aluhlaza.

Elona phondo lizuzayo kule mfuduko iqale ngeminyaka yoo1990 liphondo lase Rhawutini. Le mfuduko ilawulwa kakhulu yimeko yezoqoqosho kweli phondo okanye isakhono sokulawulwa nokuqeqeshwa kweembethi manqindi.

Iphondo lethu ngaphandle kwamathandabuzo nangona lingenako konke linabona baqeqeshi baphambili kulo mdlalo, abathelekisi abaphezulu kunye norhulumente oxhasayo, kodwa kunjalo soloko kusimka ingqaka isiya kweleendundumo.

Kolu luhlu asibaluli nje iimbethi manqindi ezingaziwayo, koko oompondo zihlanjiwe abanjengoMasibulele Makhephula, Lindi Memani, Zolani Marali, Simphiwe Vetyeka kunye noThulani Mbenge.

Zonke ezi mbethi manqindi zimka kweli phondo sezinamagama, ziye kwabanye abathelekisi nabaqeqeshi.

Into eyingxuba kaxaka kulo mcimbi yintsokolo nobunzima obuviwa ngabo bawa bevuka neembethi manqindi ukusukela ingekakwazi nokuma, ide ifikise.

Oku kuhamba nenkcitho eviwa ngulowo ukhulisa le mbethi manqindi eyosula okwedayimani isuswa umhlwa de kuvele ixabiso layo langenene, kufike amaxhalanga ayixhwile.

Andisathethi ke ngobuhlobo obakhiwa lunxibelelwano lweminyaka obuchitheka lula kangaka. Mhlawumbi ke makhe singazibeki kwizihlangu zomqeqeshi nomthelekisi kuphela, khesifune le ifudukisa ezi mbethi manqindi zizibone sezisahlukana nabantu abazithatha bazibeka enkcochoyini.

Ingxaki enkulu kukuba, abathelekisi nabaqeqeshi babona abantwana abangakwazi ukuzimela, lo nto yenze iyantlukwano. Ukuphatha imbethi manqindi kufuna abantu abaphum’izandla. Ingaba bakhona nje kweli phondo? Ayikokwam ukuza nempendulo apho ke.

Ingaba oku kungentla andikubhalanga ukuba iimbethi manqindi zethu bezihamba kweli phondo zifike zizinze kwaNdonga ziyaduma, zingabi luxanduva lweli phondo.

Ezi mbethi manqindi zimka apha zisebenzisa imali eyabelwa iimbethi manqindi zeli phondo, ngokuthi rhoqo zilwe kwitumente ezikweli phondo. Singasuka emva sibala, kodwa ngekhe sigqibe, kodwa zonke zisoloko zisilwa kweli phondo. Ingaba akukho bathelekisi okanye iimbethi manqindi ezikumgangatho kwelendudumo?

Iimbethi manqindi ezinjengo- Nomeva Ndongeni, Thulani Mbenge kunye noLudumo Lamati zizakulwa kweli phondo kule nyanga emva kokulishiya eli phondo.

Omnye uzakuthi, iseziintandane zeli phondo, kwaye zigcwalisa amaholo kweli phondo kunaseRhawutini. Nantso ke ingxam yombuzo wam, kukuba xa sisathandwa apha, kwaye zisafuna ukulwa kweli phondo zifudukiswa yintoni?

Ndiqinisekile norhulumente weli phondo ufaka imali yabarhafi beli phondo ukuphuhlisa iimbethi manqindi ezizalelwe kweli phondo ukuze zigqamise eli phondo. Sifuna iphondo lethu laziwe lihlabathi ukuze kuze abatyali zimali kweli. Iimbethi manqindi ezinjengo- Welcome Ncitha,

Vuyani Bungu noMbulelo Botile bazuze iintshinga zabo nobunganga babo bekweli phondo. Ukuba abaqeqeshi, abaphathi okanye abathelekisi abekho mgangathweni makusetyenzwe loo nkalo kunqandwe le miqodi iya eRhawutini.

Uninzi lezi ntandane emva kweminyaka zidumile kwanyama ayipheli, zibuya sekunzima zingento zinokuyikhomba, le nto ibonisa ukuba nakuloo Goli yebhongo akusoloko kumnandi.

Olwam uluvo lelokuba masiqinise iphondo lethu ngoku- qinisa ubudlelwane beembethi manqindi, abaqeqeshi kunye nabathelekisi beli phondo.

Ubuthandazwe buqala kweli phondo ukuba singaqineseka ukuba imbethi manqindi emnkileyo apha isiya kwelinye iphondo ingaqhutywa ngumsebenzi nokufuna imfundo ayixhamli kubuncwane nesabelo seli phondo ukogqitha iimbethi manqindi zeli phondo.