‘Masiyingcwabe le sizini, sijonge ezayo’ – Komphela

Ukutsala nzima agagene nako kwisizini ephelileyo neyeyokuqala kuSteve Komphela ekwiKaizer Chiefs bekulindelekile, kodwa hayi ngendlela ekwenzeke ngayo.

Amakhosi avale isizini kakubi kakhulu emva kokufundiswa ibhola yiChippa United ewabethe ngo’2-0 eFNB Stadium ebikade iyindawo entsila kuyo amaqela kakhulu, kwimidlalo yayo.

“Masiyingcwabe yonke into eyenzeke kwisizini ephelileyo, sikhangeke ukuba ikamva lisiphathele ntoni,” lawo ngamazwi kaKomphela okugqibela ngeqela lakhe.

UKomphela ufike phambi kokuqala kwesizini ka’2015/16. Bambi bakuqhwabela izindla ukuchongwa komqeqeshi omnyama okwangowalapha eMzantsi Afrika yiChiefs, kodwa abanye bathandabuza bekhala ngamava angenawo okuqeqesha iqela elikhulu njengeChiefs.

Izinto ziye zathembisa ngoba iChiefs ikwazile ukufikelela kumdlalo wamagqibela kanqoyi weMTN 8 eyabethwa kuwo yi-Ajax cape Town ngo’1-0 eNelson Mandela Bay Stadium ngo’2015, yaze yaphinda yayifikelela kumdlalo wamagqibela kanqoyi eTelkom Knockout eyabethwa kuwo yiMamelodi Sundowns ngo’3-1 eMoses Mabhida Stadium. Izinto zithande ukubambi xa Amakhosi ekhutshwa kwiNedbank Cup ebenethemba layo.

Kwimidlalo yePSL kukhe kwakho ixesha eswabuluka ngayo iChiefs kwabonakala ukuba likhona nethuba lokufumana iSundowns, kodwa ukubethwa kwayo kwakhona kutshayele naloo ntlantsi yayikho yokufumana indawo yesithathu ebizakunika iqela likaKomphela ithuba lokubuyela kwimidlalo yeCaf.

Kwimidlalo yokugqibela bekubonakala ukuba abadlali beChiefs balahlekelwe tu kukuzithemba, lo nto ibangele bangakwazi ukuqokelela amanqaku ebinethemba lawo.

UKomphela uthi ukubethwa kweqela lakhe yiChippa kwiveki ephelileyo ibilushwankathelo lwendlela ehanjwe liqela lakhe kwisizini ephelileyo.

Ngoku ufuna ukwakha iqela elitsha elizakuthi libuyise isidima seChiefs.

“Kuninzi okwenziweyo ngabaphathi kwicala lokukhangela abadlali abatsha. Ndifuna abadlali abanamandla, ndifuna iqela elizakubuyisa intlonipho yeChiefs,” utshilo uKomphela kutshanje.

pedro.mapelo@inl.co.za