Mayweather: Izamile le dyongwana – kodwa bendingcono kunayo

Abalandeli bamanqindi kwilizwe loMzantsi Afrika balele beguqile kuba bebengafuni ukuphoswa ngowona mlo obujongwe ngamehlo abomvu phakati kowayeyiNtshatsheli yeWelterweight, uFloyd Mayweather, noConor McGregor obecele umngeni. Ngokwenene umlo ude wafika eLas Vegas ngale ntseni – apho uMayweather ayingombe le ndedeba yakwaMcGregor yanqandelwa ngusompempe kumjikelo weshumi emva kokundwendwelwa ngumbathalala. Le ndoda yase-Ireland ivumbulule uMayweather, 40, eziphumelele ekhaya emva kokuthatha umhlala phantsi kwisithuba seminyaka emibini eyadlulayo kanti ayizukwazi ukumelana nezithonga zamanqindi wakhe. Kuye kwanyanzeleka usompempe, uRobert Byrd, angene phakathi uMoney Maker eze kakubi.

Le ndedeba yakwaMcGregor, 29, iwuqale kakuhle wona umlo futhi kubonakala okokuba ixhinele isiphelo sawo – kodwa ngoba ibidibene nompetha emanqindi, ibekwe endaweni yayo ngexesha elifanelekileyo. “Izamile le dyongwana. Ingcono noko kunento ebendiyicinga – kodwa bendingcono kunayo,” utshilo uMayweather emva komdlalo.

Le ntshatsheli ithe iqhinga abaye nalo kulo mlo ibikukuyiyeka le yakwaMcGregor izixheshe kwimijikelo yokuqala – kanye le nto yenzekileyo. “Besicwangciso ebesinaso ibikuthatha ixesha lethu, simyeke agalele kuqala emva koko simbhukuqe. Bendibaqinisekisile abantu okokuba awuzutsala lo mlo,” utshilo uMayweather.

Kanti yena uMcGregor uthe umlo ebecinga okokuba uzakuqhubela phambili – kodwa wavuma ukuba uMaweather ebengaphaya kwakhe emlweni. “Uyakwazi ukuziqoqosha kakhulu nangona engenaso isantya. Akanamandla kakhulu – kodwa uyakwazi ukuzigcina. Ndicinga ukuba umiswe kwangoko noko umlo. Ndibethwe nje kukudinwa okungephi. Ndiyamnika kodwa, kwenzeka njalo kwiimbethi manqindi ezinamashumi amahlanu emilo,” uvale ngalo mazwi uMcGregor.

UMayweather kulindeleke afake engxoweni imali ephaya kwi$200-million kanti yena uMcGregor obengasebenzi kwiminyaka emine edlulileyo angafumana imali ephaya kwi$100-million. “Lo ngumlo wam wokugqibela,” utshilo uMayweather.