Mbenge: Ndifuna intshinga yoMzantsi

Imbethi manqindi esaze ngobuso elizweni uThulani “The Evolution “ Mbenge uzenzele imbali ngokuhlwa kwangoMgqibelo ngokuthi angqengqise * -Antonio Mayala izihlandlo ezibini ngaphantsi komzuzu kumjikelo wokuqala kumlo wodidi lweWelterweight kwimijikelo emithandathu eMdantsane Indoor Sport Centre.

Le ndedeba iyinzalelwane yaseMdantsane kwaNU8, yaqala uzenzela udumo kumdlalo wamanqindi isekudidi lwabangahlawulwayo nalapho yathi yayimbethi ephume izandla, kwilizwekazi lase-Afrika ngaphambi kokuba iyothatha inxaxheba kwimidlalo yeCommonwealth Games nalapho waphumelela imbasa yokuqala yoMzantsi Afrika.

Ethetha nephephandaba, I’solezwe lesiXhosa, emva kokuphumelela kwakhe, uMbenge uthe: “Ndinemilo emithandathu kudidi labahlawulwayo, ndiwangqengqisile amadoda kuyo yonke le milo. Ndivuya kakhulu ngempumelelo yam ngoba kudala ndifuna ukuzodlala apha ekhaya.

Ukuze ungqinwe kweli loMzantsi Afrika kufuneka ulwe apha eMdantsane, ikhaya lamanqindi. Ndize kulo mlo ndingazi nowathwethwa ngaye, kodwa ndithe ndakumbona esikalini andabinaxhala nangona esisigantsontso, ndiye ndazithemba ukuza kulo mlo.”

Kumlo omkhulu wosuku * -Azinga Fuzile ubethe * -Aphiwe Kelewu ngomzuzu wesibini kumjikelo wesibhozo kumlo wodidi lweFeatherweight.

Enye yeembethi-manqindi ephume izandla uLudumo Lamati ubethe wangqengqisa uLuthando Mbumbulwana kumjikelo wesibini kwemithandathu kudidi lweJunior Featherweight.

Kudidi lweFeatherweight kwimijikelo emithandathu uXolisile Voyi ubethe wabhulela amasaka uSiphosethu Mhlahlo.

Le tumente ibiququzelelwa nguTerris Ntutu weRumble Africa, nalapho bekuvuyelwa inyanga yenkululeko.