Mbenge: Ndiza kumbetha angazazi uKatembo

UThulani Mbenge ubuyela eqongeni lamanqindi okokuqala emva kokubethwa eJamani kunyaka ophelileyo.

Ubuyela eqongeni lamanqindi kwakhona uThulani “Tulz Evolution” Mbenge ngokukhulu ukuzithemba kwaye uthembisa ngokwenza ezibukwayo emlweni ongempelanyanga.

Emva kokuthi khebevu iinyanga ezingaphaya kwesithandathu engalwi, uMbenge uxa kuxikixana noMardochee Kuvesa Katembo emlweni oza kube useHotele yaseVaal kwiphondo laseGauteng ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga.

Oku kudizwe kwiveki ephelileyo eJohannesburg Stadium – apho ezi mbethimanqindi zimbini beziphaxulana ngamazwi kwindabano yazo nonondaba.

Umlo kaMbenge noKatembo uyinxalenye yetumente yamanqindi ekubhiyozelwa ngayo inkululeko yoMzantsi Afrika yinkampani yabathelekisi ekuthiwa yiTLB Promotions.

Indedeba yakwaMbenge yagqibela ukulwa kunyaka ophelileyo emlweni eyabethwa kuwo ngamanqaku nguSebastian Formella kwelaseJamani emva kwemijikelo elishumi elinambini. Wakwamkela ukuphulukana nentshinga yakhe uMbenge – kodwa ngoku ufuna isiqalo esitsha ngokubetha uKatembo.

La madoda mabini aza kube esilwela intshinga ye-ABU welterweight. Nangona enethuba elide engasalwi, uTulz uthi ukulungele ngokupheleleyo ukulwa ngoba ukuzilolonga yinto ebeyixabise kakhulu noxa bekungekho mlo ebewulungiselela.

“Ndiyalivuyela ithuba endilifumanayo ngoba kudala ndililangazelela. Bendisaphumle emva kokubethwa eJamani – kodwa ndikulungele ukulwa futhi ndikulambele. Nokuba kungathiwa masilwe ngomso; ngeke ndithi hayi ngoba ndihlala ndikulungele,” utshilo uTulz waseMpuma Koloni ohlala eGoli. Abamaziyo bamchaza uKatembo njengendoda elikhalipha futhi ekwaziyo ukuphosa amanqindi ayingozi.

Nakubeni kunjalo, uThulani uthi akanalo uvalo ngoba kudala esemanqindini.

“Ndike ndambukela esilwa. Yindoda ewaziyo amanqindi yena – kodwa andinalo tu uvalo. Uyimbethimanqindi ekhaliphileyo – kodwa ndiza kumbetha angazazi nokuba ubethwe ngubani. Lifikile ixesha lokuba ndigqame nam. Ndikulungele ukudibana nale ndoda; ndiyathemba nayo ukulungele ukulwa nam,” uvale ngalo mazwi uTulz.