McCarthy: Uloyiko ayonto yam

John Comitis, usihlalo weCape Town City Chairman noBenni McCarthy obhengenzwe njengomqeqeshi omtsha weCape Town City FC eRadisson Blu Hotel, eKapa UMFANEKISO: Chris Ricco/BackpagePix

UBenni McCarthy uqala ubom obutsha ebholeni! Le ndedeba ichongwe njengomqeqeshi omtsha weCape Town City kule veki – kanye le nto kudala eyilangazelela.

UJohn Comitis unike uMcCarthy uxanduva lokuqeqesha iqela lakhe emva kokuphoxwa ngu-Eric Tinkler okreqele kwiSuperSport United engabhungisanga kwiveki ephelileyo.

Nangona engenawo amava angako uBenni ekuqeqesheni – kodwa uComitis umnike ithuba lokufezekisa umqweno wakhe.

UComitis yindoda enobulumko futhi enesibindi, lo nto yabonakala ngethuba enika uTinkler umsebenzi wokuqeqesha iqela elitsha.

Ulwamkele uxanduva uMcCarthy futhi uzimisele ukusebenza ngokuzimisela nokuba abantu bathini ngaye. Le ndedeba, 39, ifumana lo msebenzi kanye emva kokugqiba izifundo zayo eYurophu.

Uyayazi into elindelwe kuye ngabantu uMcCarthy kwaye ukulindele nokugxekwa ngabanye.

“Ndiyawazi umsebenzi olindelekileyo kum. Nokuba amava andinawo – kodwa ukuzimisela emsebenzini wam yeyona nto eyakukhokelela empumelelweni,” utshilo uMcCarthy.

“Zange ndacinga ukuba uJohn Comitis angandithemba olu hlobo, ndothukile. Sincokole ngeembono neminqweno anayo ngeli qela – zindonwabisile izinto endizivileyo. Bendakuba ndisisidenge ukuba bendiliyekile eli thuba,” utshilo uMcCarthy.

UBenni McCarthy ugqugqisile eYurophu ngeentsuku zakhe zokudlala ibhola kanti nalapha eMzantsi Afrika wayinceda i-Orlando Pirates kwiminyaka edlulileyo.

Ngoku uthi ufuna ukuvelisa abadlali abangcono kunaye. Uyayiqonda lo nto ukuba soze ibelula – kodwa nangona kunjalo uthi akoyiki.

“Abantu bayabetheka ebomini – kodwa kufuneka uvuke uvuthulule uye phambili, uloyiko ayonto yam,” utsho uBenni kwi’702.

Le ndedeba ithi ifundile kakhulu kubantu abafana noCo Adriaanse kwi-Ajax Amsterdam noJose Mourinho ebisebenze nabo ngethuba isadlala ibhola.

Umpetha nguMourinho kubo bonke. Wayegqibelele emsebenzini kwiFC Porto, indoda enxanelwe impumelelo ebaxabisileyo abadlali.

“Ndithathile kubantu abandiqeqeshileyo – kodwa ndifuna ukuba ndim,” utshilo uMcCarthy.