Imbaleki yemigama emide, uMelikhaya Frans, ibila isoma enkampini eseGqeberha – apho ilungiselela khona ukuthatha inxaxheba emdyarhweni weembaleki omkhulu oza kube useMelika. UFrans, 33, uza kubaleka kwiBoston Marathon okokuqala kulo nyaka ngomhla weshumi elinesixhenxe kuTshazimpuzi. Ethetha neli phephandaba, okaFrans ukuchaze ukuya kwakhe kwiBoston Marathon njengokufezekiswa kwephupha lakhe njengembaleki kwaye uthi uya eMelika ezixelele ukuba uza kuphulela ngoba akayi kuba eyokongeza inani phaya. Kubaluleke kakhulu ukuzilungiselela nakweyiphi imbaleki eza kubaleka umgama ongamashumi amane anesibini weekhilomitha (42km) zeBoston Marathon, ngakumbi kwefuna indawo ephambini.
“Amalungiselelo ahamba kakuhle kakhulu futhi ndiphele ndithe qete andibikwa hlaba okwangoku – kodwa ke aukuba uThixo uza kundibeka phi. Ndithandazela ukungaphazanyiswa kukonzakala ukuze izinto zikwazi ukuhamba ngale ndlela ndifuna ngayo,” utshilo uFrans. Zonke iimbali xa zikhula, kubakho imidyarho eziyinqwenelayo zakube zifike kwinqanaba elithile. Kwenzeka into enjalo nakuFrans obesoloko eyibukela kumabonakude iBoston Marathon enomtsalane kwiimbaleki zehlabathi ezaziwo. “Ndineminyaka ndiyibukela kumabonakude iBoston Marathon. Bendisolo ndisithi ndingaxola ukuba ndingaya kuyo nokuba kukanye.
“Ukuya kwam kwiBoston Marathon kufana nokufezekiswa kwephupha kum. Andibuyi mva, ndiya phambili kwaye ndizimisele ukuthatha inxaxheba emdyarhweni omkhulu. Okundivuyisa kakhulu kukuba ndiya entweni ebendingade ndiyibukela ndikude kuyo,” utshilo uFrans owaya kwiLondon Marathon ngo-2020 wabuya nodumo. “Andiyi kwiBoston Marathon ukuyokongeza inani, ndifuna ukuqinisa elam igama kwicandelo leembaleki. Ndincwase ukuba phakathi kwamadoda alishumi aphambili (Top10) ndiphucule nexesha endilibaleke emidyarhweni egqithileyo, enye engaphezulu kwezo zinto, iya kuba libhaso nje kum,” ivale ngaloo mazwi imbaleki yaseGqeberha. Phambi kokuntingela eMelika, okaFrans uza kubaleka imidyarho aza kuzilola kuyo eGqeberha.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8