Mfundisi: Indebe yePSL yeyona ibalulekileyo kuthi

Besiphi mfundisi

Iphephandaba labantu, I’solezwe lesiXhosa, lincokole nomlandeli ozingomba isifuba ngeMamelodi Sundowns othe wasixelela ngothando lwakhe neminqweno yakhe ngeqela lakhe.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Kuhle Bhuti, kunjani kuwe?

PM: Kuhle nakum. Gqaba gqaba, khawusixelele ngawe.

Umlandeli: Oh! Igama lam ndinguBesiphi Mfundisi. Ndazalelwa kwilali yakuVoyizana kwidolophu yaseNgcobo. Kulapho ndisazinze khona ke nangoku.

PM: Kuhle ke Mhlekazi. Emaninzi nje amaqela ebhola, kwakutheni ukuze ukhethe iDowns?

Besiphi Mfundisi: Into eyenzekayo yile, uBhuti wam wayethanda iMamelodi Sundowns kwaye ebizwa ngegama elithi “Raphael Chukwu”. Lo nto yaba negalelo ekuthandeni kwam iSundowns. Kodwa ke ndingatsho ukuthi iDowns liqela lebhola ekhatywayo elinomahluko kwamanye. Ibhola ebekwa phantsi xa kudlalwa ibonwa kakuhle apha kwiSundowns.

PM: Sesiphi isiganeko ongasoze usilibale ebholeni njengomlandeli?

BM: Ndingatsho ukuthi ukuphumelela kweSundowns indebe yeCaf Champions League [ngo’2016], yeyona nto endingasoze ndiyilibale mna. Yinto enkulu, abantu abaninzi zange balifumane ithuba lokubona iDowns ibamba le ndebe – kodwa ndibenalo ithamsanqa lokuyibona. Esinye ndingathi yindebe yehlabathi ngo’2010 okokuqala e-Afrika.

PM: Njengokuba iqhube kakuhle iDowns kwisizini edlulileyo, unqwenela ntoni kule isizini?

BM: Ayikho enye ngaphandle kokukhusela indebe yePSL. Wonke umlandeli weSundowns unqwenela kube njalo. Ingenzeka lo nto ngokuba iDowns iyakwazi ukulwa. Naphaya kwiChampions League ndiyafuna, eyona ibalulekileyo kuthi yindebe yePSL.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

BM: Ndithanda uKhama Billiat. Ngoyena mdlali onefuthe kwiSundowns, xa ekhona kuyabonakala. Wadlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo eyazuzwa yiSundowns kwizwekazi le-Afrika.

PM: Enkosi Mhlekazi.