Mgijima: Siza kudlalela ukuyibetha iFort Hare

Ibuyile itumente yombhoxo edlalwa ngamaziko emfundo ephakamileyo ekuthiwa yiVarsity Shield.

Zisuka nje, abalandeli bombhoxo bafumene ithamsanqa lokubukela idabi lobukhaya eliphakathi kwiWalter Sisulu University neFort Hare University ngoLwesihlanu ngo19:00 eBuffalo City Stadium.

Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo uza kuba nomtsalane ebantwini ngoba uphakathi kweeyunivesithi ezaziwayo eMpuma Koloni.

Kodwa okona kwenza umdla kukuba iWalter Sisulu ihleli phezulu. Iqokelele amanqaku asibhozo emva kokuphumelela yomibini imidlalo eyidlalileyo kule isizini. Kwiveki ephelileyo, iWSU ibethe iintshaba zayo ezinkulu iMadibaz ngo’19-14.

Umqeqeshi weWSU, uAkhona Lungisa Mgijima, uvakalise uvuyo olukhulu emva kokubetha iMadibaz.

“Sinemincili ngoba ibingumdlalo omkhulu kakhulu. Abantu abaninzi bebesithi ngeke siphumelele kuba iMadibaz yayisibethe kabini kunyaka ophelileyo. Eyona nto esithethe ngayo nabadlali kukugcina ibhola kuthi ukuze iyilambele (iMadibaz). Bayenzile lo nto abadlali futhi nakwisikram baqhube kakuhle,” utshilo uMgijima.

Emva kwesiqalo esihle sesizini, umqeqeshi weWSU uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba injongo yeqela lakhe kukuba ziintshatsheli kulo unyaka ukuze likwazi ukuya kwiVarsity Cup.

“Ndingathi siqale kakuhle endaweni yokuthi siqhuba kakuhle ngoba asikafiki nasesiphakathini. Iyasincumisa kakhulu into eyenzekileyo ngoba siphumelele imidlalo ebesingayidlaleli ebaleni lethu. Sidlale namaqela amakhulu. Noko kulo nyaka siyiqale kakuhle iVarsity Shield kwaye sinethemba lokuqhuba kakuhle. Sincumile thina singabaqeqeshi ngoba bakwazile ukwenza izinto ebesibaxelele zonke abadlali. Sizimisele ukuphucula indlela esidlala ngayo emdlalweni ngamnye esiwudlalayo. Umbhoxo yinto engenazo izigqibo. Ngamanye amaxesha soze uzazi iingqondo zabadlali ukuba ziphazanyiswa yintoni. Maxa wambi bayakwazi ukuwadelela amanye amaqela xa beqhuba kakuhle. Xa kusithiwa ngeke babethwe liqela elithile banento yokucinga ukuba izinto ziza kuzenzekela. Yiyo lo nto sisithi kufuneka sijongane nomdlalo omnye ngexesha. Sifuna ukuba ziintshatsheli zeVarsity Shield. Umdlalo ophakathi kwethu neFort Hare ayingomdlalo nje, lidabi lobukhaya apha kwiBorder elineminyaka likhona,” utshilo uMgijima.