Mhlontlo: iDowns yeyabantu abachubekileyo

Nakowuphi na umdlalo abalandeli ngabona badlala indima ebalulekileyo ngoba abadlali badinga inkxaso ngokwasemdlalweni nasemoyeni. Ngale nyanga yomama, I’solezwe, lincokole nomnye wabalandeli beMamelodi Sundowns ozingomba isifuba ngayo futhi oyithandayo ibhola ekhatywayo.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Usisi ngubani, ehlalaphi?

Bulelwa Mhlontlo: Ndiyabulela kuni. Igama lam ndinguBulelwa Mhlontlo, ndihlala eMdantsane.

PM: Waqala nini ukuba ngumlandeli weSundowns, njani?

Ukulandela iSundowns ndaqala phaya ngoo’2005. Abantu basekhaya phantse bonke babelandela iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates, mna ndagqiba kwelokuba ndiphume ecaleni. Ndingene njalo ke apha kwiDowns. Ndiyayithanda kakhulu ke ngoba liqela labantu abachubekileyo kakhulu.

PM: IiBrazillians ziintshatsheli zePSL, nakwiCaf Champions League ziqhuba kakuhle – ingaba uziva njani?

Sonwabe kakhulu, abantu ngoku banebhongo neSundowns kuzo zonke iindawo. Inani labalandeli liyakhula njengokuba siye saphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League. Besiye eGauteng ngoku iSundowns ibiphumelela indebe yePSL, nalapha kuthi eMpuma Koloni bekuphume inani elivisayo.

PM: Ulindele ntoni kwisizini ezayo?

Ndilindele iDowns ithathe apho iyeke khona kwisizini edlulileyo. Siqale kakubi kwisizini ephelileyo – kule isizzini kufuneka siyitshaye isaqhuma. Simthembile umqeqeshi wethu uPitso Mosimane.

PM: Kubaluleke ngantoni ukuba sesebeni xa ungumlandeli?

Kumnandi ngoba sifumana ithuba lokwabelana ngezimvo ngemiba echaphazela ibhola neqela lethu. Uyakwazi ukwakha ubudlelwane nabanye abantu. Eyona nto ndiyithanda kakhulu kukunceda abantu abangathathi ntweni kwiindawo esihlala kuzo.