Milutin Sredojevic: Kunzima ukuqikelela into eza kwenzeka ebholeni

Milutin Sredojevic coach of Orlando Pirates , Rhulani Mokwena assistant coach of Orlando Pirates and Fadlu Davids assistant coach of Orlando Pirates during the Absa Premiership match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates on the 09 February 2019 at FNB Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva kokuba
i-Orlando Pirates ingakwazanga ukuphumelela izolo, umqeqeshi wayo, uMilutin “Micho”
Sredojevic, usole ukungasetyenziswa kwamathuba emdlalweni njengoyena nobangela
wokubethwa kweqela lakhe. IPirates ibethwe ngegowuli elinye eqandeni (1-0)
yiSuperSport United emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe
eMbombela Stadium izolo ebusuku. Isahleli kwindawo yesithathu iPirates kwiPSL –
kodwa ukuba ibikwazile ukuwuphumelela umdlalo – ngeyitsibe ngaphaya kweMamelodi
Sundowns ekwindawo yesibini. “Akumnandanga ukuza kuwe sibethiwe. Kwisigaba
sokuqala, umdlalo ubulawulwa ngabo (SuperSport United). Kwisigaba sesibini
sigqibe kwelokuba sizilungise iimpazamo esizenzileyo kwisigaba sokuqala
somdlalo. Iimpazamo ezibangelwe kukuntantazela zisidlalise kakubi kakhulu
abadlali bethu,” utshilo uMicho.

Ukudlala
ngokuzimisela futhi nokuhlasela kweSuperSport ngamaxesha athile kuye
kwayinyanzela iPirates ukuba ifake abanye abadlali. UMicho ufake uLuvuyo Memela,
uThamsanqa Gabuza noMpho Makola. Injongo ibikukuzama ukufumana igowuli
lokulinganisa – kodwa uJustin Shonga noThembinkosi Lorch bazame bancama
kuRonwen Williams – obetshayela kwanto eza ezipalini zakhe. Ithuba lePirates
lokufumana igowuli liphelele emoyeni emva kokuvinjwa kwepenela ekhatywe
nguHappy Jele kwisigaba sesibini emdlalweni. “Ukuba ipenela besiyifakile,
umdlalo ngowutshintshile ngokupheleleyo. Akwenzekanga oko kwaye ukubethwa
kwethu kusibuyisele umva. Kunzima ukuqikelela into eza kwenzeka ebholeni. Sicwangcise
ukudlala ngendlela esidlale ngayo kwisigaba sesibini – kodwa khange kwenzeke
oko. Sidlale kakuhle emdlalweni – kodwa sibethiwe kwicala lamagowuli,” utshilo
uMicho.