Mnu. Siviwe Mpengesi: Lwelani ukugcina iChippa kwiDStv Premiership

UMnumzana Siviwe Mpengesi ethetha nabadlali beqela lakhe eMonti kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Xa iChippa United ingaqhubi kakuhle ebaleni, uMnu. uSiviwe Mpengesi akacingi kakhulu; ugxotha umqeqeshi aqashe omnye ngokukhawuleza. Nakubeni iChippa United ingaqhubi kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership – kodwa uMpengesi usazibambile kwaye uyalixhasa iqela lakhe nomqeqeshi walo, uDan Malesela. Yimidlalo engaphaya kwesihlanu egqithileyo iChippa ingaphumeleli.

Lo nto iyibeke endaweni embi ngoba ikufutshane kakhulu emaqeleni asekugqibeleni kwiDStv Premiership. Amathuba wayo wokufumana indawo kwiTop 8 ambalwa kakhulu ngoku. Yiyo lo nto naye uMnu. Mpengesi esithi ufuna abadlali balwele ukuyigcina ikwiDStv Premiership emidlalweni elandelayo ngokufanayo nendlela abaqhubangayo kwiNedbank Cup abanethuba lokuthatha iChippa United bayise emdlalweni wokuqala kwimbali yayo ukusukela ngo-2010.

“Ukulwela ukuhlala kwiDStv Premiership yeyona nto ibalulekilyo ngoku,” utshilo uMpengesi, ephendula I’solezwe lesiXhosa kwiveki ephelileyo eMonti. “Sonke sineminqweno yokubona amaqela wethu ekwindawo ephambili nangona lilinye eliza kuphumelela. Ndizama ukuthi akukho nto imbi xa sifuna indawo ephezulu – kodwa imeko siyayibona, into enokwenziwa ngabadlali kukuqinisekisa ukuba iqela alithotyelwa ezantsi,” utshilo uMpengesi, emva kokuphehlelela iBCM Stars kanyana wakhe eJan Smarts Stadium. Phambi komdlalo weNedbank Cup obuseSisa Dukashe Stadium, uMpengesi uthe abadlali mabangatyhafiswa kukubethwa kwabo ngaMaZulu kwiveki ephelileyo.

Ngoku abadlali kufuneka bawuthathe ngamandla afanayo nabawabonise xeshikweni bebetha iRichards Bay ngo’2-1 xa iChippa United isamkela iSwallows FC emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke ube nzima eNelson Mandela Bay Stadium ngo-15:30 ngoMgqibelo. Kunyanzelekile iChippa iphumelele ukuze isuke engozini, kanti nayo iSwallows ifuna amanqaku apheleleyo emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni egqithileyo okubangele isuswe kwindawo yesibini ehleli kuyo ixesha elide. Ukuphumelela kweChippa emidlalweni elandelayo kwakuqinisa neenzame zayo zokuphumelela indebe okokuqala kwinqanaba eliphezulu lebhola eMzantsi Afrika.

Imidlalo yeDStv Prem:

Lwesihlanu: Stellenbosch vs SuperSport United @Danie Craven Stadium, 17:00

Mgqibelo: Golden Arrows vs Cape Town City @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:00; Baroka FC vs Bloemfontein Celtic @Peter Mokaba Stadium, 15:30; TS Galaxy vs Maritzburg United @Mbombela Stadium, 17:00

Cawe: Kaizer Chiefs vs Orlando Pirates @FNB Stadium, 15:00; AmaZulu vs Tshakhuma @Kings Park Stadium, 15:30; Mamelodi Sundowns vs Black Leopards @Loftus Stadium, 17:00